YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 26

26
Ubalo lwesibini
1Emva kwaloo bhubhani ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noElazare unyana wombingeleli uAron, wathi: 2“Libaleni ibandla lamaSirayeli liphela ngokwezindlu, nibale amadoda ukususela kubudala obuyiminyaka emashumi mabini ukunyuka, lawo afanelekileyo ukungena emkhosini.” 3-4Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.
Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:
5Indlu kaRubhen (uRhubhen ke wayeyinkulu kaSirayeli); imizi yayo: amaHanoki, amaPalu, 6amaHezeron, namaKarmi. 7Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amane anesithathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, namashumi amathathu. 8Inzala kaPalu yayinguEliyabhi 9noonyana bakhe uNemuweli, uDatan, noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ke ngabaya babenyulwe ngamaSirayeli. Bamvukela uMosis noAron, baza bazibandakanya nehlokondiba likaKora ngexesha ababevukela *uNdikhoyo. 10Kaloku umhlaba wavuleka wabaginya, baza bafa kunye noKora nabalandeli bakhe abatshatyalaliswa ngumlilo bengamakhulu amabini namashumi amahlanu amadoda. Ke bona baba sisilumkiso kumaSirayeli. 11Kambe umlibo kaKora zange uphele.
12Indlu kaSimon; imizi yayo: amaNemuweli, amaJamin, amaJakin, 13amaZera, namaShawuli. 14Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini.
15Indlu kaGadi; imizi yayo: amaZefon, amaHagi, amaShuni, 16amaOzeni, amaEri, 17ama-Arodi, nama-Areli. 18Inani lamadoda ale mizi yaba ngamashumi amane amawaka anamakhulu amahlanu.
19-21Indlu kaJuda; imizi yayo: amaShela, amaPerezi, namaZera. Isizukulwana samaPerezi ngamaHezeron namaHamuli. Isibini koonyana bakaJuda, uEre no-Onan, bafela eKanana. 22Ke amadoda ale mizi ayengamashumi asixhenxe anantandathu amawaka, namakhulu amahlanu.
23Indlu kaIsakare; imizi yayo: amaTola, amaPawu, 24amaYashubhi, namaShimron. 25Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathandathu anane amawaka, namakhulu amathathu.
26Indlu kaZebhulon; imizi yayo: amaZerede, amaElon, namaJaleli. 27Amadoda ale mizi ke aba ngamashumi amathandathu amawaka, namakhulu amahlanu.
28Indlu kaJosefu: Ke yena uJosefu wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim.
29Indlu kaManase: uMakiri unyana kaManase wazala uGiliyadi. 30Ke yona inzala kaGiliyadi yile: amaIyezere, amaHeleki, 31ama-Aseriyeli, amaShekem, 32amaShemida, namaHefere. 33UZelofehadi unyana kaHefere wayengenanyana, iziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, uNoha, uHogela, uMilika, noTiza. 34Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amahlanu anambini amawaka, namakhulu asixhenxe.
35Indlu kaEfrayim; imizi yayo: amaShutela, amaBhekeri, namaTahan. 36AmaEran ayinzala kaShutela. 37Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathathu anambini amawaka, mashumi amahlanu.
Le ke yinzala kaJosefu.
38Indlu kaBhenjamin; imizi yayo: amaBhela, ama-Ashbhele, ama-Ahiram, 39amaShefufam, namaHufam. 40Ama-Ardi namaNaman yinzala kaBhela. 41Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amathandathu.
42Indlu kaDan: inzala yayo iphuma kumaShuham. 43Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amathandathu anane amawaka, makhulu amane.
44Indlu ka-Ashere; imizi yayo: amaImna, amaIshvi, namaBheriya. 45AmaHebhere namaMalekiyeli yinzala kaBheriya. 46UAshere wayenentombi egama linguSera. 47Amadoda ale ndlu ke ayengamashumi amahlanu anantathu amawaka, namakhulu amane.
48Indlu kaNafetali; imizi yayo: amaJazeli, amaGuni, 49amaJezere, namaShilem. 50Inani lamadoda ale ndlu yaba ngamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amane.
51Lilonke inani lamaSirayeli angamadoda yaba ngamakhulu amathandathu ananye amawaka, namakhulu asixhenxe, anamashumi amathathu.
52*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: 53“Umhlaba wahlulele le mizi ngokobubanzi bayo, ube lilifa layo. 54Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo. 55Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo. 56Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”
57Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari. 58Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram 59owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam. 60UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare. 61UNadabhi noAbhihu ke bona bafa ngokwenzela uNdikhoyo umlilo ongafanelekanga. 62Ke bona abaLevi abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu baba ngamashumi amabini anantathu amawaka. Phofu ke bona baba noludwe lwabo bodwa, kuba zange banikwe mhlaba kwaSirayeli.
63Le ke yimizi eyadweliswa nguMosis noElazare xa babesenza ubalo lwamaSirayeli kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko. 64Kumadoda awayebalwe nguMosis noAron kwintlango yeSinayi, kubalo lokuqala, kwakungasekho nob' ibe nye. 65Kaloku *uNdikhoyo wayethe onke aya kufela entlango, kusinde uKalebhi unyana kaJefune, noYoshuwa unyana kaNune. Nangoku ke kwaba njalo.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 26: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy