YouVersion Logo
Search Icon

UNEHEMIYA 7

7
1Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi. 2Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu. 3Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”
Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo
4Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa. 5Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo: 6Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo, 7ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.
Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:
8inzala kaParoshe 2 172
9inzala kaShefatiya 372
10inzala ka-Ara 652
11inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 818
12inzala kaElam 1 254
13inzala kaZatu 845
14inzala kaZakayi 760
15inzala kaBhinuwi 648
16inzala kaBhebhayi 628
17inzala ka-Azegadi 2 322
18inzala ka-Adonikam 667
19inzala kaBhigwayi 2 067
20inzala ka-Adin 655
21inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya 98
22inzala kaHashum 328
23inzala kaBhezayi 324
24inzala kaHarifi 112
25inzala kaGibheyon 95
26amadoda aseBhetelehem naseNetofa 188
27amadoda aseAnatoti 128
28amadoda aseBhete-azemavete 42
29amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti 743
30amadoda aseRama naseGabha 621
31amadoda aseMikmas 122
32amadoda aseBhetele naseAyi 123
33amadoda enye iNebho 52
34amadoda enye iElam 1 254
35amadoda aseHarim 320
36amadoda aseJeriko 345
37amadoda aseLodi naseHadide naseOno 721
38amadoda aseSena 3 930
39Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa 973
40inzala kaImere 1 052
41inzala kaPashure 1 247
42inzala kaHarim 1 017
43Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva 74
44iimvumi zenzala ka-Asafu 148
45abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi 38
46Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,
47inzala kaKerosi noSiya noPadon,
48inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,
49inzala kaHanan noGidele noGahare,
50inzala kaRaya noRezin noNekoda,
51inzala kaGazam noUza noPaseya,
52inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,
53inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,
54inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,
55inzala kaBhakose noSisera noTema,
56inzala kaNeziya noHatifa
57Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaSotayi noSoferete noPerida,
58inzala kaJala noDakon noGidele,
59inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon
60Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392
61Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:
62inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642
63Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)
64Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli. 65Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.
66Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo:
amaSirayeli ewonke 42 360
67izicaka nezicakazana 7 337
iimvumi neemvumikazi 245
68amahashe 736
iimeyile 245
69iinkamela 435
iidonki 6 720
70Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:
Umlawuli:
iikhilogram zegolide 8
izitya zokutshiza 50
izambatho zababingeleli 530
71Iintloko zezindlu:
iikhilogram zegolide 168
iikhilogram zesiliva 1 250
72Abanye abantu:
iikhilogram zegolide 168
iikhilogram zesiliva 140
izambatho zababingeleli 67
73Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.
UEzra ufunda umthetho
Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,

Currently Selected:

UNEHEMIYA 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy