YouVersion Logo
Search Icon

UNEHEMIYA 6

6
Ukwakha kusachaswa
1Ke kaloku kwavakala kuSanebhalati, uTobhiya, noGeshem umArabhu, nezinye ke iintshaba zethu, ukuba ndibuye ndalwakha udonga, akwasala nasinye isikhewu, nangona ukuza kuthi gaa kwelo thuba ndandingekazifaki iingcango zamasango. 2Ke uSanebhalati noGeshem bandithumelela umyalezo othi: “Khawufike sidibane kwenye yeedolophana kumathafa aseOno.”
Kambe ke babesenza iyelenqe lokundenzakalisa. 3Ngoko ke ndabathumelela izigidimi ndisithi: “Ndenza umsebenzi omkhulu apha, ngoko ke andinako ukuwuyeka ndize kuni. Ngani ukuba ume umsebenzi ndilibele kukuza kuni?” 4Lo myalelo bawuthumela kane kum, mna ke ezo zihlandlo zozine ndawuphendula kwangaloo mpendulo inye.
5Kwisihlandlo sesihlanu ke uSanebhalati wathumela ihlakani lakhe eliphethe kwalo myalezo mnye uyileta engavalwanga 6ebhalwe ngolu hlobo:
“Kukho ingxelo eyaziwayo phakathi kwezizwe – yaye ke uGeshem uthi iyinyaniso. Kuthiwa wena ndawonye namaJuda niceba uvukelo; kungeso sizathu nivusa olu donga nje. Ngaphezu koko ke ngokwale ngxelo wena uzimisele ukuba ngukumkani wawo, 7kangangokuba sowude wamisela abashumayeli ukuze benze isihlokomiso ngawe apha eJerusalem, bathi: ‘Ukho ukumkani welakwaJuda!’ Le ngxelo ke iza kufikelela kukumkani; ngoko ke wena yiza ukuze sithetha-thethane.”
8Ndamthumelela le mpendulo ke, ndathi: “Ayikho into enjengale uyithethayo; kuphela wena uyikha entloko le nto uyithethayo.”
9Ewe, babezama ukusoyikisa besithi: “Baza kutyhafa ukuze umsebenzi bawuyeke ungagqitywanga.”
Kambe ke ndathandaza ndathi: “Thixo wethu, zomeleze izandla zam!”
10Ngenye imini ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya kaMetabheli owayezivalele emzini wakhe. Waza ke wathi: “Masiye kuhlangana endlwini kaThixo, singene ngaphakathi, sivale iingcango, kuba kukho abantu abafuna ukukubulala; ewe, baza kukubulala ngobusuku.”
11Kambe ke ndathi apho kuye: “Uthi ingaze ibaleke indoda enjengam nje? Okanye ke uthi ndingade ndiye kungena endlwini kaThixo ukusindisa ubomi bam? Hayi bo! Andiy' apho!” 12Ewe, ndayiqonda into yokuba akathunywanga nguThixo, koko undishumayeza ezi zinto kuba ethengwe nguTobhiya noSanebhalati. 13Wayethengwe ukuze andigrogrise, khon' ukuze ngale nto ndenze isono, bona ke banditshabhise ngegama elibi.
14Awu, Thixo wam, uze ubakhumbule ooTobhiya noSanebhalati ngale nto bayenzileyo; ungamlibali nomshumayelikazi uNowadiya nabo bonke abashumayeli abazama ukundigrogrisa.
Ukugqitywa kodonga
15Ke lona udonga lwagqitywa ngomhla wamashumi amabini anantlanu wenyanga uEluli, emva kweentsuku ezingamashumi amahlanu anambini lwaqalwayo. 16Zithe ke iintshaba zethu zakuziva ezi ndaba, ndawonye nezizwe ezingabamelwana ezazibona ngamehlo, suka zaphelelwa kukuzithemba kwazo, kuba kaloku ziqonda ukuba lo msebenzi wenziwe ngoncedo lukaThixo wethu.
17Ngaloo mihla ke izikhulu zakwaJuda zazithumela intaphane yeeleta kuTobhiya; neempendulo ke zazithululeka ukungena zivela kuTobhiya. 18Kaloku amaJuda amaninzi ayenqophisene naye, njengoko wayengumkhwenyana kaShekaniya unyana ka-Ara, unyana wakhe uYohanan ethathe intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya. 19Ngaphezu koko kaloku babengoosiputsu abandinika ingxelo yemisebenzi yakhe emihle, bandule ke ukuya kumxelela loo nto ndiyithethileyo mna. Ke yena uTobhiya wayendithumelela iileta zokundigrogrisa.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy