YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 9

9
1Wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade bakubone ukuthwasa kolawulo lukaThixo olunobunganga. ”
UYesu wenziwa kumila kumbi
(Mat 17:1-13; Luka 9:28-36)
2Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu uthathe uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. 3Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo. 4Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu. 5Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” 6Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu.
7Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” 8Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu.
9Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo. 10Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. 11Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”
12Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto? 13Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.”
Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana
(Mat 17:14-21; Luka 9:37-43a)
14Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa. 15Sakumbona isihlwele, savuyiseka kakhulu sonke, sasuka kwangoko saya kuye sibaleka, sambulisa. 16Wababuza ke esithi: “Nixoxisana ngantoni na?”
17Waphendula omnye esihlweleni apho wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, kuba unendimoni emenza angathethi. 18Ithi le ndimoni yakumqubula axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ndithethe nabafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa bakhohlwa.”
19UYesu waphendula wathi kubo: “Sizukulwanandini esingakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezela? Mziseni kum!” 20Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu. 21UYesu ke wabuza kuyise ukuba únaxesha lingakanani na ehliwe yile nto.
Wathi yena: “Kwasebuntwaneni bakhe. 22Le ndimoni imphose kaninzi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba imtshabalalise. Ke ukuba unako ukwenza into, sincede uvelane nathi.”
23Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”
24Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!”
25UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!” 26Yakhala indimoni, yambetha watsho waxhuzula kunene umntwana, yaphuma. Umntwana lowo ke waba njengofileyo, bada abaninzi bathi: “Ufile.” 27UYesu ke wambamba ngesandla, wamvusa, wesuka wema.
28UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?”
29Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”
UYesu ufundisa okwesibini ngokufa nokuvuka kwakhe
(Mat 17:22-23; Luka 9:43b-45)
30Bemkile apho, bahamba becanda kwelaseGalili. UYesu wayengafuni ukuba aziwe apho akhona, 31kuba wayebaxelela abafundi bakhe, esithi kubo: “UNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu abaya kumbulala. Wothi ke ebulewe njalo, abuye avuke ngomhla wesithathu.”
32Bona babengayiqondi into ayithethayo, besoyika nokumbuza ngayo.
Oyena mkhulu
(Mat 18:1-5; Luka 9:46-48)
33Bafika ke eKapernahum, waza uYesu akuba sendlwini, wababuza abafundi bakhe esithi: “Benibuzana ngantoni endleleni?”
34Bahlala bathi tu, kuba endleleni babephikisana ngokuthi ngubani na omkhulu kunabanye. 35UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.” 36Wathatha umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamsingatha, wathi kubo: 37“Othe egameni lam wamkela noko amnye wabantwana abanje, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna nje, wamkela lowo wandithumayo.”
Ongachasaniyo nathi ungakuthi
(Luka 9:49-50; Mat 10:42)
38UYohane wathi kuYesu: “Mfundisi, sibone umntu okhupha iindimoni egameni lakho, saza samnqanda ke, kuba engenguye oweqela labafundi bakho.”
39Wathi uYesu: “Hayi, ngeningamnqandanga, kuba akukho namnye unokuthi enze ummangaliso egameni lam, aze andigxeke. 40Ongachasaniyo nathi ungakuthi. 41Inene, othe wanipha nekomityi le yamanzi ngenxa yam, ngokuba ningabakaKrestu, wowamkela ngokuqinisekileyo umvuzo wakhe.”
Ngezikhubekiso
(Mat 18:6-9; Luka 17:1-2)
42“Othe wakhubekisa nokuba mnye wabancinane abakholwayo, ngekumlungele kanye ukuba ebegangxwe ilitye lokusila entanyeni, waphoswa elwandle. 43Ukuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa sinqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo, [ 44apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] 45Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, [emlilweni ongacimiyo, 46apho ‘kumpethu, ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] 47Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe. Kulunge kanye ukuxhamla ukulawulwa nguThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo omabini, uphoswe esihogweni, 48apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’
49“Umntu ngamnye uya kugalelwa umlilo ngokungathi yityiwa. 50Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo sayo? Yibani nesongo setyiwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye nomnye.”

Currently Selected:

UMARKO 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy