YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 3

3
Ukuphiliswa kowome isandla
(Mat 12:9-14; Luka 6:6-11)
1Waphinda uYesu wangena *endlwini yesikhungo. Apho kwakukho umntu owayome isandla. 2Babemlalele ke befuna ukubona ukuba womphilisa na *ngoMhla woPhumlo, ukuze bammangalele. 3UYesu wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” 4Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?”
Kwathi cwaka. 5Akuba ebasingasingile, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, wathi kumntu lowo: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe. 6Kwangoko ke baphuma *abaFarasi, baya kubhunga *namaHerode, becebisana ngokubulala uYesu.
Inkitha yabantu ngaselwandle
7Wemka uYesu, enabafundi bakhe, waya elwandle. Yamlandela inkitha yabantu, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaJuda, 8naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe. 9Wathi kubafundi bakhe mabamlungiselele isikhitshana, hleze axinwe sisihlwele, 10kuba wayephilise abantu abaninzi, baza bonke abanezifo bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise. 11Naxa sukuba abantu abaneendimoni bembona, babesiwa phambi kwakhe, bakhale, besithi: “Unguye wena uNyana kaThixo!”
12Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini.
Ukumiselwa kwabafundi abalishumi elinambini
(Mat 10:1-4; Luka 6:12-16)
13UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke, 14waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela, 15ebanike igunya lokukhupha iindimoni.
16Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros; 17uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha; 18uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo, 19noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha.
Ukunyelisa kwabachazi-mthetho
(Mat 12:22-32; Luka 11:14-23; 12:10)
20UYesu ke wangena endlwini, kwaza kwakhona kwabuthelana isihlwele. Kwakuxinene kangangokuba yena nabafundi bakhe bangabi nako nokutya oku. 21Bevile ngale nto, abakowabo baphuma besiya kumphuthuma, kuba kwakusithiwa: “Ushiywe ziingqondo.”
22Ke abachazi-mthetho ababevela eJerusalem babesithi unoSathana, besithi iindimoni ezi uzikhupha ngomphathi wazo. 23Ebabizele kuye abantu, uthethe nabo ezekelisa, esithi: “Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana? 24Kaloku isizwe esivukelana sodwa siyachithakala; 25nomzi ovukelana wodwa uyachithakala. 26NoSathana ke, ukuba uvukelana noSathana, uya kuphanza angabikho.
27“Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha, aze aphange impahla yalo, engathanga kuqala alibophe elo gorha, aze ke andule ukuyiphanga indlu yalo.
28“Inene, baya kuzixolelwa zonke izono oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; 29kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lesono esingatshitshiyo.” 30UYesu watsho kuba babesithi unendimoni.
Ezona zizalwana zikaYesu
(Mat 12:46-50; Luka 8:19-21)
31Kwafika abantakwabo-Yesu kunye nonina, baza bathi, bemi ngaphandle, bayaleza ukuba makabizwe. 32Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.”
33Wabaphendula esithi: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?” 34Ebasingasingile ke abo babemngqongile, wathi: “Nguye lo umama nabantakwethu. 35Kaloku lowo uthe wakwenza ukuthanda kukaThixo nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

Currently Selected:

UMARKO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy