YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 2

2
Ukuphiliswa kofe umzimba
(Mat 9:1-8; Luka 5:17-26)
1Kwakuba ntsuku, uYesu wabuyela eKapernahum; kwavakala ukuba usekhayeni lakhe. 2Ke kwahlanganisana into eninzi yabantu, kwada akwabikho ndawo nangasemnyango.
Kwathi ke xa uYesu wayesashumayela, 3kwafika abantu, bezise kuye umntu ofe umzimba, ethwelwe ngabané. 4Bakuba bengenakusondela kuYesu ngenxa yokuxinana kwendimbane, baqhaqhe uphahla ngakuloo ndawo wayekuyo. Begqobhozile ke, bamhlisa ngokhuko lowo ufe umzimba. 5UYesu akulubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.”
6Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo: 7“Yini na ukuba lo athethe ngolu hlobo? Uyanyelisa! Ngubani onako ukuxolela izono ingenguye uThixo kuphela?”
8Kwangoko uYesu wazazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu? 9Okukona kulula kukuphi na? Kukho ukuthi kofe umzimba: ‘Izono zakho zixolelwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho uhambe’? 10Ke ukuze nazi ukuba *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – 11ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.’ ”
12Wavuka kwangoko ke, wathatha ukhuko, wemka. Bamangaliswa bonke, bemdumisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enje!”
Ukubizwa kukaLevi
(Mat 9:9-13; Luka 5:27-32)
13UYesu wabuya waphuma waya ngaselwandle. Kwaza ke kwahlanganisana isihlwele ngakuye, wasifundisa. 14Wathi edlula wabona uLevi, unyana ka-Alifeyu, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Waphakama ke, wamlandela.
15Kwathi, xa wayesitya kwaLevi, kwakho nento eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni, isitya ndawonye noYesu nabafundi bakhe, kuba babebaninzi, bemlandela. 16Ke abachazi-mthetho beqela *labaFarasi, bakumbona esitya kunye nabaqokeleli-rhafu naboni, bathi kubafundi bakhe: “Yini na ukuba atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?”
17Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni.”
Ukuzila ukutya
(Mat 9:14-17; Luka 5:33-39)
18Abafundi bakaYohane *nabaFarasi babezila ukutya. Ke abantu beza kuYesu, bathi kuye: “Kutheni abafundi bakaYohane nababaFarasi besoloko bezila ukutya nje, kanti bona abakho abazili?”
19UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangakuzila na ukutya lo gama umyeni asekunye nabo? Nakanye! Ngalo lonke ixesha asephakathi kwabo umyeni, abangekhe bakuzile! 20Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila.
21“Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba ukuba uthe wenjenjalo, sofinyela, sisikrazule ngakumbi isambatho eso. 22Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka ziphele iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha.”
Imfundiso kaYesu malunga noMhla woPhumlo
(Mat 12:1-8; Luka 6:1-5)
23Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla, abafundi bakhe basuka bakha izikhwebu zengqolowa. 24Bathi ke kuye *abaFarasi: “Khawutsho, kungani na ukuba abafundi bakho benze okungavumelekanga ngoMhla woPhumlo?”
25Uthe ke yena kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide, mhla walamba engenanto ityiwayo, yena neqela lakhe? 26Kaloku wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ngokomthetho ezi zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli. ”
27Waza wathi ke kubo: “UMhla woPhumlo lo wabakho ngenxa yomntu, asinguye umntu owabakho ngenxa yawo. 28Ngoko ke uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”

Currently Selected:

UMARKO 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy