YouVersion Logo
Search Icon

UMIKA 3

3
Kugxekwa iinkokheli zakwaSirayeli
1Suka ke mna ndathi:
“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,
nani balawuli bendlu kaSirayeli.
Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?
2Kambe ke, nibuthiyil' ubulungisa, nithand' ububi.
Abantu bam nibahlubulula ulusu,
nibabhunyule inyama emathanjeni.
3Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,
nibahlube ulusu lwabo,
amathambo abo niwakroboze,
nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,
ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”
4Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.
Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.
5Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,
abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,
ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,
utsho uNdikhoyo ukuthi: 6“Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;
kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.
Abashumayeli botshonelwa lilanga,
nemini isuke ixubayele.
7Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,
oosiyazi baphoxeke.
Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,
kuba bengaphendulwa nguThixo.”
8Ke mna okokwam ndomelele;
uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,
undithe jize ngobulungisa namandla,
ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,
uSirayeli ndimbonise isono sakhe.
9Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,
nani balawuli bendlu kaSirayeli,
nina babuthiyileyo ubulungisa,
nina bagqwethi bolungelelwano.
10IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;
iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.
11Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;
ababingeleli basebenzela inzuzo,
nabashumayeli benza izityhilelo khon' ukuze bazuze imali,
kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:
“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.
Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”
12Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,
iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;
ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.

Currently Selected:

UMIKA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy