YouVersion Logo
Search Icon

UMIKA 2

2
Isohlwayo sabacinezeli
1Mawoo ke, nina baceba ububi –
nditsho nina bayila inkohlakalo kwiimandlalo zenu!
Kwakusa benza loo nkohlakalo,
kuba kaloku isemandleni abo.
2Bakunqwenela intsimi bayayohlutha;
bakubawela indlu bayayoxutha.
Umzi womntu bawuthatha ngobuqili,
ilifa lomfo liphelele kubo.
3Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini;
aningekhe nibe nako ukusinda kuso.
Soze nibe sahamba ngebhongo,
kuba koba kugos' okwaphukayo.
4Ngaloo mini niya kuba sisigculelo,
baphoxise ngani ngelenzila iculo, besithi:
‘Basivuthulule satshabalala mpela;
balahlula-hlule ilifa labantu bam.
UNdikhoyo ulithathile kuthi
walinikela kwabo bangabavukeli.’ ”
5Ngoko ke akuyi kubakho mntu,
nditsho ebandleni likaNdikhoyo,
oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.
Abashumayeli abakhohlisayo
6Abashumayelayo bathi:
“Hayi, musa ukushumayela!
Sukushumayela ngayo le nto;
akukho hlazo liya kusihlela.”
7Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:
“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?
Uthi angazenza izinto ezinjalo?”
“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?
8Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba.
Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,
nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.
9Niyabagxotha abafazi bakowethu,
bemke emizini elibhongo labo.
Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,
bangaze bayifumane naphakade.
10Yithi thwas' uhambe,
kuba le asiyondawo yakuphumla.
Ewe, le ndawo ixabhelekile;
ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.
11Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:
‘Mna ndishumayela indyebo;
yoba yindyikityha yewayini notywala;’
yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”
Ukubuyiswa kwamasalela
12“Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;
ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.
Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.
Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.
13Uvulindlela wohamba phambi kwabo;
botyhoboza baphume esangweni.
Ukumkani woba yena ekhokele,
*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”

Currently Selected:

UMIKA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy