YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 4

4
Ukulingwa kukaYesu
(Mat 4:1-11; Marko 1:12-13)
1UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya 2iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
3Ke umtyholi wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho eli litye libe sisonka.”
4UYesu wamphendula esithi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa.’ ”
5Ke umtyholi wamnyusela endaweni ephakamileyo uYesu, wathi ngexeshana elingephi wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi; 6wathi kuye: “Ndokunika igunya kuwo onke, ndikuphe nobutyebi bawo, kuba konke oko kokwam, kwaye ndikunika lowo sukuba ndithanda ukumnika. 7Ke ngoko, ukuba uthe wandinqula, zonke ezo zinto zoba zezakho.”
8UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’ ”
9Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; 10kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’ 11Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’ ”
12Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’ ”
13Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana.
UYesu ufundisa eGalili
(Mat 4:12-17; Marko 1:14-15)
14UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla. 15Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke.
Ukudelwa kukaYesu eNazarete
(Mat 13:53-58; Marko 6:1-6)
16UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde; 17waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi:
18“UMoya weNkosi undongamele,
ngoko ke indithambisile;
indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.
Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,
nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,
ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,
19ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”
20Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye; 21waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.”
22Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?”
23UYesu ke wathi kubo: “Eneneni niya kulibhekisa kum eli qhalo lithi: ‘Gqirha, ziphilise;’ nize nithi: ‘Nakowenu apha yenza okungangoko sive ukuba ukwenzile eKapernahum.’ ” Wathi ke: 24“Ndithi kuni, inene, akukho mshumayeli wamkelekileyo kowabo. 25Enyanisweni babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalibalele iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, kukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe. 26Kanti ke uEliya zange athunywe nakumnye kubo; kuphela wathunywa kumhlolokazi waseSarfati kwelaseSidon. 27Kananjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngemihla yomshumayeli uElisha; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo ngaphandle koNahaman umSiriya.”
28Bakuziva ezi zinto bacaphuka bonke ababesendlwini yesikhungo, 29besuka bamkhupha edolophini uYesu, bamsa phezu kweliwa eyayakhelwe phezu kwalo idolophu yabo, ukuze bamphose ezantsi. 30Kodwa yena wacanda phakathi kwabo, wemka.
Ukuphiliswa konendimoni
(Marko 1:21-28)
31Wehla ke uYesu waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, wathi khona apho *ngoMhla woPhumlo wafundisa abantu. 32Bamangaliswa kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya. 33Ke *endlwini yesikhungo apho kwakukho umntu ophethwe yindimoni. 34Yena ke wabhomboloza, ekhala esithi: “Kwowu! Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa? Ndiyakwazi ukuba ungubani na; ungoyiNgcwele kaThixo!”
35UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kuye!” Yasuka indimoni yamkhahlela phantsi phambi kwabo, yaza yaphuma ingamenzakalisanga.
36Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “He bethu, mhlola mni lo? Lo mntu ukhalima nje ngelizwi, zitsho ziphume iindimoni!” 37Zatsho zaduma ke iindaba ngoYesu kuwo wonke loo mmandla.
Ukuphiliswa kwabaninzi
(Mat 8:14-17; Marko 1:29-34)
38Waphuma ke uYesu *endlwini yesikhungo, waya kungena endlwini kaSimon. Ke umkhwekazi kaSimon wayephethwe yifiva ngamandla, baza ke baxelela uYesu ngaye. 39Yena waya kuma ngakuye, wayikhalimela ifiva, waza wachacha. Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela ukutya.
40Kwathi ukutshona kwelanga, bonke abo babenabagula zizifo ngezifo babazisa kuYesu. Yena wababeka izandla bonke ngabanye, wabaphilisa. 41Neendimoni zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi: “Wena unguye uNyana kaThixo.”
Wayezikhalimela iindimoni ezo, engazivumeli ukuba zithethe, kuba zazisazi ukuba yena unguye *uKrestu.
Ukushumayela kukaYesu kwelakwaJuda
(Marko 1:35-39)
42Wasuka uYesu wemka waya endaweni engenabantu. Izihlwele zazimfuna, zathi zakumfumana, zazama ukuba angemki kuzo. 43Wathi kuzo: “Ndimelwe kukuba ndishumayele iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo nakwezinye iidolophu, kuba yinto endithunywe yona leyo.”
44Wayeshumayela ke *ezindlwini zesikhungo zelakwaJuda.

Currently Selected:

ULUKA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy