YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 16

16
Umzekeliso ngegosa
1Ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho sityebi sithile esasinegosa, elathi lona lamangalelwa kuso ngokuyichitha impahla yaso. 2Silibizile ke, sathi kulo: ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho, kuba akusayi kuba saba ligosa.’ 3Lacinga ke igosa lathi: ‘Ndiya kuthini, bethu, inkosi yam indisusa nje ebugoseni? Ndiphangele? Hayi, kuyandoyisa! Ndingqibe? Hayi, ndineentloni! 4O-o-o, ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndasuswa ebugoseni bandamkele ezindlwini zabo abantu.’
5“Ke libabizele kulo ngabanye abanamatyala enkosini yalo, lathi kowokuqala: ‘Unatyala lingakanani na enkosini yam?’ 6Wathi yena: ‘Likhulu leengqayi zeoyile yomnquma.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ukhawuleze uhlale phantsi, ubhale amashumi amahlanu.’ 7Emva koko lathi komnye: ‘Wena ke unatyala lingakanani?’ Wathi yena: ‘Likhulu leengxowa zengqolowa.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ubhale amashumi asibhozo.’
8“Yaza inkosi yalo yalincoma ngokundweba kwalo eli gosa linamaqhinga; kuba kwezobulumko obusingisele koogxa babo, abeli phakade bayabagqitha abakhanyiselwe nguThixo.”
9Waqhuba ke uYesu wathi: “Nam ndithi kuni, ubutyebi obu bùdla ngokufunyanwa ngobuqhetseba, busebenziseni nina ngendlela eya kunakhela ubuhlobo, khon' ukuze nakuphelelwa bobo butyebi, nibe nokwamkelwa eminqubeni yaphakade. 10Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongathembekanga kokuncinane, akathembekanga nakokukhulu. 11Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka kubutyebi beli phakade, ngubani na onokunithemba kobo butyebi bububo? 12Ukuba anibanga nakuthembeka kokukokomnye, ngubani na onokuninika okukokwenu?
13“Akukho sicaka sinokukhonza iinkosi ezimbini, kuba siya kuyithiya le, siyithande leya, okanye sibambelele kule, siyidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.”
Umthetho kaMosis nolawulo lukaThixo
(Mat 11:12-13; 5:31-32; Marko 10:11-12)
14Ke *nabaFarasi, amathanda-mali, bamvile uYesu ekuthetha konke oku, baza bamnximzela; 15waza wathi kubo: “Nina ningabazenza amalungisa phambi kwabantu, kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu. Ke oko kuxatyisiweyo ngabantu kulizothe kuThixo.
16“Kwakulawula *umthetho kaMosis nezibhalo *zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana. 17Kulula ukuba lidlule izulu nehlabathi kunokuba kucinywe nechaphazana eli lomthetho.
18“Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka umfazi owalene nendoda yakhe, uyakrexeza.”
Umzekeliso ngesityebi noLazaro
19“Kwakukho sityebi sithile, esasivatha ezimbeje-mbeje, sisitya oozimuncu-muncu yonke imihla. 20Esangweni laso kwakudla ngokusiwa hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalizele zizilonda, 21lisoloko linqwenela ukutya nokuba yimvuthuluka ewa etafileni yesityebi eso. Bezisiza izinja, zikhothe izilonda zalo.
22“Ke kaloku lafa ihlwempu elo, lasiwa kuAbraham zizithunywa zezulu. Safa ke nesityebi, sangcwatywa. 23Sathi, sikwelabafileyo, saphakamisa amehlo aso sisentuthumbeni, sambona uAbraham ekude, uLazaro enaye. 24Samemeza ke, sathi: ‘Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam, kuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye!’
25“Kodwa uAbraham wathi: ‘Nyana, khumbula ukuba wena ebomini bakho wawufumana izinto ezimnandi, uLazaro yena efumana ezimbi; ngoku yena uyathuthuzelwa apha, kanti wena uyathuthunjelwa. 26Kodwa ke, ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze abathanda ukuwela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako, nokuthi abalapho kuni bangabi nakuwelela kuthi.’ 27Sathi ke isityebi: ‘Ndiyakubongoza ke ngoko, bawo, ukuba umthume emzini kabawo, 28kuba ndinabantakwethu abahlanu. Makabaqononondise ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.’
29“Kodwa uAbraham wathi kuso: ‘*Banomthetho kaMosis neencwadi *zabashumayeli bamandulo; mabeve zona.’ 30Sathi ke sona: ‘Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.’ 31Wathi kuso: ‘Ukuba bathe ababeva ooMosis nabashumayeli, abayi koyiseka nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.’ ”

Currently Selected:

ULUKA 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy