YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 24

24
Izibane
(Mfud 27:20-21)
1*UNdikhoyo wathi kuMosis: 2“Gqithisela lo myalelo kumaSirayeli, uthi kufuneka azise ioyile yomnquma ecwengileyo, ize isetyenziswe kwizibane *zesibingelelo ekufuneka zisoloko zivutha. 3Yonke imihla ukutshona kwelanga kufuneka uAron azikhanyise zivuthe kude kuse phaya phambi komkhusane welona gumbi lingcwele, elo linetyesi enobungqina bomnqophiso. Lo mmiselo kufuneka ugcinwe rhoqo nakwixesha elizayo. 4UAron kufuneka azinonelele izibane ezikwisiphatho esenziwe ngegolide ecwengileyo, zihlale zivutha qho ngaphambi koNdikhoyo.”
Izonka ezahlulelwe uThixo
5“Kufuneka kwenziwe izonka ezilishumi elinambini ngomgubo ocoliweyo wengqolowa obunzima buziikhilogram ezilishumi elinambini. 6Ezo zonka mazidweliswe ngemiqolo emibini, zibe zithandathu kumqolo ngamnye, zibekwe phezu kwetafile eqatywe ngegolide ecwengileyo emi phambi *koNdikhoyo. 7Makubekwe iinkozo zesiqhumiso kuludwe ngalunye zibe ngumnikelo wokutya okunikelwa kuNdikhoyo endaweni yezonka. 8Ezi zonka kufuneka zibekwe phambi koNdikhoyo qho *ngeMihla yokuPhumla. Kufuneka awenze rhoqo amaSirayeli lo mmiselo nakumaxesha azayo. 9Ezi zonka ziya kuba zezika-Aron noonyana bakhe. Kufuneka bazityele endaweni eyodwa, kuba kaloku sisabelo sababingeleli esithathwe kwiminikelo enikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.”
Isohlwayo sokunyelisa
10-11Kwakukho mfo uthile oyise wayengumJiputa, unina yena engumSirayeli ogama lalinguShelomiti owayeyintombi kaDibri wesizwe sakwaDan. Lo mfo ke waxabana nomSirayeli. Emsindweni wakhe wanyelisa *noNdikhoyo ngesithuko, waza ke wasiwa kuMosis, 12wagcinwa ngabalindi, kwaza kwalindelwa kuNdikhoyo ukuba avakalise ebantwini into emayenziwe ngaloo mfo.
13Wathi uNdikhoyo kuMosis: 14“Yikhuphele ngaphandle komzi laa ndoda, aze wonke ubani oyivileyo inyelisa abeke isandla sakhe entloko yayo. Emva koko ke umnyelisi lo makaxulutywe ngamatye libandla liphela, ade afe. 15Uze ke uwaxelele amaSirayeli, uthi: ‘Nabani na onyelisa uThixo uya kuyaleka, 16kuba uya kubulawa. Wonke ubani onyelisa uNdikhoyo, nokuba ngumSirayeli, nokuba ngumntu wasemzini omi kwaSirayeli, kufuneka axulutywe ngamatye libandla liphela.’
17“Wonke ubani obulala omnye umntu kufuneka abulawe naye. 18Umntu obulele imfuyo yomnye umntu kufuneka ayivuse.
19“Umntu owenzakalisa omnye umntu, nokuba umenza ntoni na, naye uya kwenziwa kwaloo nto. 20Ukuba umaphule ithambo, naye uya kwaphulwa ithambo. Ukuba umtyhaphaze iliso, naye uya kutyhatshazwa iliso. Ukuba umaphule izinyo, nelakhe izinyo lokwaphulwa. Nokuba umenzakalisa njani na omnye umntu, naye uya kwenziwa kwaloo nto ayenze komnye. 21Umntu obulele imfuyo yomnye kufuneka ayivuse. Kodwa umntu obulala omnye umntu kufuneka abulawe naye. 22Le miyalelo iniquka nonke, nditsho umSirayeli nomntu wasemzini ophakathi kwamaSirayeli. Kaloku ndim uNdikhoyo uThixo wenu.”
23Akuba enjenjalo ke uMosis, amaSirayeli amkhuphela ngaphandle komzi umnyelisi lowo, amxuluba ngamatye wada wafa. Enjenjalo ke amaSirayeli ethobela uNdikhoyo ngokomlomo kaMosis.

Currently Selected:

EYONQULO 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy