YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 23

23
Imisitho yezonqulo
1*UNdikhoyo wathi kuMosis 2makathethe namaSirayeli, athi: “Nantsi imisitho kaNdikhoyo emiselweyo emayaziswe ebantwini njengemibhiyozo yonqulo: 3Zintandathu iintsuku eningenza ngazo umsebenzi, kodwa ze nikhumbule ukuba umhla wesixhenxe wona ngowokuphumla. Ze ningasebenzi ngaloo mhla, koko ze nihlanganisane ninqule. *UMhla wokuPhumla wona wahlulelwe uNdikhoyo, nditsho nokuba nihlala phi na.”
Umsitho wePasika kunye nesonka esinganyuswanga
(Ntlango 28:16-25)
4“Nantsi imisitho *kaNdikhoyo emiselweyo, imibhiyozo yonqulo emayipapashwe ebantwini ngamaxesha ayo: 5*IPasika kaNdikhoyo iqala ukutshona kwelanga ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yokuqala. 6Ngomhla weshumi elinesihlanu kuqala umsitho wezonka ezinganyuswanga. Kufuneka ningatyi isonka esinyuswe ngegwele kude kuphele iintsuku ezisixhenxe. 7Ngosuku lokuqala kwezi ntsuku zisixhenxe kufuneka niqokelelane nize kunqula, ningakhe nenze msebenzi. 8Ze nenze iminikelo yomlilo kuNdikhoyo ngezi ntsuku zisixhenxe, niphinde ngosuku lwesixhenxe nibe nombhiyozo wokunqula, ningasebenzi nokusebenza.”
Intlahlela yesivuno
9*UNdikhoyo wathi kuMosis 10makathi kumaSirayeli: “Xa senifikile kwelo zwe ndininika lona, nize ngexesha lokuvuna nizise kumbingeleli intlahlela yezithungu zengqolowa. 11Yena ke woziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo, khon' ukuze namkeleke kuye. Loo mnikelo umbingeleli kufuneka awenze ngomhla olandela *uMhla wokuPhumla. 12Ngale mini niwanga-wangisa ngayo isithungu sengqolowa kufuneka nenze nedini elitshiswayo ngexhwane leduna elimnyaka mnye elingenasiphako. 13Kufuneka nenze nomnikelo womgubo wengqolowa oxutywe neoyile yomnquma ube bunzima obuziikhilogram ezimbini. Ivumba lalo mnikelo liyamkholisa uNdikhoyo. Kufuneka ninikele newayini engangelitha enye, ibe ngumnikelo othululwayo. 14Nize ningayityi ingqolowa esand' ukuvunwa, nokuba ikrwada, nokuba igcadiwe, nokuba sisonka esibhakiweyo, de kube lo mnikelo niwenzile. Lo mmiselo maze ugcinwe nazizizukulwana zenu ngalo lonke ixesha.”
Umsitho wesivuno
(Ntlango 28:26-31)
15“Ze nibale iiveki zibe sixhenxe ukususela ngalaa mini ilandela *uMhla wokuPhumla ebeniwanga-wangisa phambi *koNdikhoyo ngawo izithungu zengqolowa. 16Kuya kuthi ke ngomhla wamashumi amahlanu, umhla osemva koMhla wokuPhumla wesixhenxe, nizise kuNdikhoyo omnye umnikelo wolibo lwengqolowa. 17Imizi ngemizi kufuneka ize nezonka ezibini zinikelwe kuNdikhoyo, zibe ngumnikelo owanga-wangiswayo. Isonka ngasinye kufuneka senziwe ngomgubo wengqolowa obunzima buziikhilogram ezimbini, sinyuswe ngegwele, size sinikelwe kuNdikhoyo njengolibo lwesivuno sengqolowa. 18Ezi zonka ziya kukhatshwa ngamaxhwane asixhenxe amnyaka mnye akhutshwa ngumzi wakwaSirayeli, kwakunye nenkunzi yenkomo eselula, kunye neebhokhwe ezimbini, kungabikho nanye inesiphako kuzo. Zoba lidini elitshiswayo elihamba kunye neminikelo yengqolowa neyewayini. Ivumba lalo mnikelo liyamkholisa uNdikhoyo. 19Makwenziwe idini lesono ngeduna lebhokhwe, kunye nedini lobudlelane ngamaxhwane amabini angamaduna amnyaka mnye. 20Umbingeleli wosondeza isonka kunye namaxhwane amabini, zibe ngumnikelo owanga-wangiswa kuNdikhoyo. Le yiminikelo eyenzelwa uNdikhoyo ize yahlulelwe ababingeleli. 21Ngale mini nize ningasebenzi, koko ze nipapashe umbhiyozo wonqulo. Lo mmiselo kufuneka ugcinwe nazizizukulwana zenu naphi na apho zihlala khona.
22“Xa nivunayo nize ningafikeleli kumlimandlela, ningakhwahlazi nandawoni na emasimini. Ukukhwahlaza kuyekeleni amahlwempu nabantu basemzini. Kaloku ndinguNdikhoyo uThixo wenu. ”
Umsitho wonyaka omtsha
(Ntlango 29:1-6)
23-24“Umhla wokuqala wenyanga yesixhenxe mawube ngumhla owodwa eniphumlayo ngawo; kufuneka nibe nombhiyozo wonqulo lakuhlokoma ixilongo. 25Ze nenzele *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo, ningaphathi msebenzi konke.”
UMhla wokuCamagusha
(Ntlango 29:7-11)
26-27“Umhla weshumi kwinyanga yesixhenxe ngumhla wokungxengxezela izono zabantu. Ngaloo mini ze ningatyi nto konke; ze nibe nentlanganiso yonqulo, ninikele umnikelo *kuNdikhoyo ngomlilo. 28Ningakhe nisebenze ngaloo mini; kaloku ngumhla wokucamagushela izono kuNdikhoyo uThixo wenu. 29Umntu oya kuthi atye ngaloo mini uya kusikwa phakathi kwabantu bakaThixo. 30Xa kukho othe wasebenza ngaloo mini mna Ndikhoyo ngokwam ndomcima igama. 31Lo mmiselo maze ugcinwe nazizizukulwana zenu, nditsho naphi na apho zihlala khona. 32Ukususela ukutshona kwelanga ngomhla wesithoba kude kutshone ilanga ngomhla weshumi lo mhla ze niwuthathe njengomhla owodwa wokuphumla, ekungayi kutyiwa nto ngawo konke.”
Umsitho wamaphempe
(Ntlango 29:12-40)
33-34“Umsitho wamaphempe uqala ngomhla weshumi elinesihlanu wenyanga yesixhenxe, uqhube kude kuphele iintsuku ezisixhenxe. 35Ngosuku lokuqala lwezi ntsuku nize nibe nombhiyozo wonqulo, ningasebenzi konke. 36Yonke le mihla isixhenxe ze ninikele *kuNdikhoyo ngomlilo, niphinde nibe nombhiyozo wonqulo ngosuku lwesibhozo, nenze nomnikelo ngomlilo. Lo mhla ngumbhiyozo, yaye kufuneka ningasebenzi konke.
( 37“Yiyo ke le imisitho emiselweyo eniya kuthi ngayo nipapashe imibhiyozo yonqulo, nisondeze kuNdikhoyo iminikelo yomlilo, namadini atshiswayo, neminikelo eziinkozo, nayo iminikelo yewayini. Konke oku kuya kuthi kufuneke ngemini nganye. 38Le misitho yongezelelwe *kwiMihla yokuPhumla eqhelekileyo, futhi nale minikelo ixeliweyo yongezelelwe kwiminikelo yenu yesiqhelo, enidla ngokuyenza ngenxa yesithembiso, okanye eniyinikela kuNdikhoyo ngokuqhutywa yintliziyo.)
39“Xa senivunile lo msitho wenzeni iintsuku zibe sixhenxe ukususela kumhla weshumi elinesihlanu wenyanga yesixhenxe. Usuku lokuqala kufuneka lube ngumhla owodwa eniphumla ngawo. 40Ngaloo mini khethani ezona zihle iziqhamo emithini, niphathe amasundu namasebe ahlakahlaka, nize nenzele uThixo uNdikhoyo umbhiyozo. 41Minyaka le ze nibhiyoze iintsuku zibe sixhenxe. Ngummiselo omaze ugcinwe nazizizukulwana zenu. 42Kufuneka onke amaSirayeli ncam ahlale emaphempeni iintsuku zibe sixhenxe, 43khon' ukuze zazi izizukulwana zenu ukuba uNdikhoyo wawahlalisa emaphempeni amaSirayeli ukuwakhupha kwakhe eJiputa. Nguye kaloku uNdikhoyo uThixo wenu.”
44Wenjenjalo ke uMosis ukuxelela amaSirayeli imimiselo yokugcina imisitho kaNdikhoyo.

Currently Selected:

EYONQULO 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy