YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 20

20
Isohlwayo sokungathobeli
1*UNdikhoyo wathi kuMosis 2makathi kumaSirayeli: “Nabani na kuni, nokuba ngumntu wasemzini ohlala phakathi kwenu, othe wanikela ngomntwana wakhe ukuba kunqulwe ngaye uMoleki, loo mntu makaxulutywe ngamatye ngumzi uphela. 3Loo mntu ndiya kumchasa, ndingabi sambalela ebantwini bam, kuba umntu onikezela ngomntwana wakhe kunqulo lukaMoleki uxabhele *isibingelelo sam walinyelisa negama lam elingcwele. 4Xa ke umzi uthe awayihoya loo nto ayenzilyo loo mntu, uze ke ungàmbulali, 5mna okokwam ndomsukela loo mntu, kunye nendlu yakhe, kwakunye nabo bonke abazibandakanya naye ekungathembekeni kum banqule uMoleki. Ndobasika kubantu bam abo bantu.
6“Umntu oya kuvumisa kubantu abeva ngababhubhileyo ndomfulathela, angabi saba ngumntu wam. 7Hlalani nizahlulele mna, nibe ngcwele, kuba kaloku ndinguNdikhoyo uThixo wenu. 8Imimiselo yam yithobeleni, kuba kaloku ndinguNdikhoyo, ndaye ndinebango ngani, ndim onenza nahluke.
9“Wonke umntu othuke uyise nokuba ngunina makabulawe; kaloku nguye ngenkqu unobangela wokubulawa kwakhe.
10“Indoda ethe yakrexeza nomfazi womwayo ongumSirayeli mayibulawe kunye naloo mfazi. 11Indoda ethatha isondo komnye wabafazi bakayise ihlazisa uyise, yaye mayibulawe kunye naloo mfazi. Ngabo ngokwabo unobangela wokubulawa kwabo. 12Indoda ethatha isondo kumolokazana wayo kufuneka ibulawe kunye naloo molokazana wayo. Benze inyala kaloku; ke ngabo ngenkqu unobangela wokufa kwabo. 13Indoda elala nenye yenza inyala kunye naloo ndoda ilala nayo. Mababulawe bobabini; yaye ityala lokubulawa kwabo likubo. 14Indoda ethathe umfazi, ize ithathe nonina waloo mfazi imenze umkayo, benze isikizi bobathathu, yaye kufuneka batshiswe bonke; into enjalo mayingenzeki phakathi kwenu. 15Umntu owenza amanyala kunye nesilwanyana kufuneka abulawe kunye neso silwanyana. 16Umfazi olinga ukwenza inyala lokulala nesilwanyana makabulawe kunye neso silwanyana. Lityala labo ukubulawa kwabo.
17“Indoda ethatha udade wayo imenze umfazi, nokuba yintombi kayise okanye yintombi kanina, kufuneka yona naloo mfazi bagxothwe phakathi kwabemi bomzi. Kaloku imnyelisile udade wayo; ke inetyala. 18Indoda ecela isondo kumfazi osexesheni kufuneka ikhutshelwe ngaphandle komzi kunye naloo mfazi; kaloku bobabini benze intlondi, *banomlaza.
19“Indoda mayingaceli isondo kudade boyise okanye kudade bonina; yakwenjenjalo yenza inyala elingumbulo kunye naye; bobabini banetyala. 20Indoda ethatha isondo kunina omncinci inyelisa uyise-mncinci, yaye yona kunye naloo mfazi kufuneka bohlwaywe; abakuba nanzala bobabini. 21Indoda ethatha umka-mntakwayo yenza amanyala; ayiyi kuba nanzala, naloo mfazi akayi kuzala; baya kufa benjalo. Kaloku indoda leyo imnyelisile umntakwabo.
22“Ze niyigcine imimiselo nemithetho yam,” waqhuba watsho uNdikhoyo, “khon' ukuze ilizwe laseKanana, endinisa kulo, linganibukuli. 23Amasiko ezo ntlanga endiza kuzikhupha kwelo zwe, ze kungene nina, maze ningawathathi. Zinezothe kum ngenxa yemikhwa yazo. 24Ke nina ndanithembisa lo mhlaba wazo ulinqatha, uchumayo, ukuba ndoninika wona niwume. Kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye ndinahlule kwezinye izizwe. 25Kufuneka ke ngoko nicalule phakathi kweenyamakazi ezityiwayo nezingatyiwayo, naphakathi kweentaka ezityiwayo nezingatyiwayo. Ningazityi ezo zingatyiwayo. Kaloku ndithe azityiwa; ke xa nithe nazitya noba nomlaza. 26Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa. 27Indoda nokuba ngumfazi ovumisa ngabantu ababhubhileyo kufuneka axulutywe ngamatye afe. Loo mntu wenza loo nto ufa ngetyala lakhe.”

Currently Selected:

EYONQULO 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy