YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 10

10
Isono sikaNadabhi noAbhihu
1UNadabhi noAbhihu, oonyana baka-Aron, elowo wathatha umcephe wakhe wamalahle, wagalela amalahle, wafaka nentlaka yesiqhumiso, bazisa phambi *koNdikhoyo. Kambe ke loo mlilo wabo wawunxamnye nomyalelo kaNdikhoyo. 2Kusuke kwaphuma umlilo kuNdikhoyo owabatshisela khona apho, bafela apho phambi koNdikhoyo. 3UMosis ke uthe kuAron: “Nantso ke into eyayixelwa nguNdikhoyo ngokuya wayesithi: ‘Kufuneka bandihlonele bonke abasondelayo kum; abantu bam ndobabonisa isihomo nesithozela sam.’ ” Yena uAron wasuka wathula tu.
4UMosis ubize uMishayeli kunye noElizafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo mabaye kuthatha imizimba yabantakwabo, bayisuse phambi *kwesibingelelo, bayikhuphele ngaphandle kwelali. 5Baya kuzithatha ezo zidumbu, bazithwala bezibambe ngezambatho, bazisa ngaphandle kwelali njengoko wayetshilo kubo uMosis.
6UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo. 7Maze nina ningasuki esangweni lesibingelelo, hleze nife, kuba nâhlulelwa uNdikhoyo ngokuthanjiswa.” Benjenjalo ke.
Imimiselo elawula ababingeleli
8*UNdikhoyo wabhekisa kuAron, wathi: 9“Wena noonyana bakho nize ningangeni *esibingelelweni xa benisele. Niya kufa ukuba niyenzile loo nto. Lo mthetho uze uthotyelwe nazizizukulwana. 10Nize nicalule phakathi kwento eyahlulelwe uThixo nento engahlulelwanga yena, naphakathi kwento *enomlaza nento engenamlaza. 11AmaSirayeli ze niwafundise yonke imimiselo endaninika yona ngoMosis.”
12UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele. 13Nize nizityele endaweni ekhethekileyo; sisabelo senu eso esithathwa kwiminikelo eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Loo nto yathethwa kum nguNdikhoyo. 14Nina noonyana neentombi zenu ningayitya incum ewanga-wangisiweyo kwanomlenze onikelwe kuThixo. Ningazityela naphi na apho kungekho *mlaza. Esi sabelo siyinxaxheba yenu kunye nabantwana benu evela kumadini obudlelane anikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo. 15Kufuneka le ncum nalo mlenze beze nazo kanye ngexesha kusondezwa iminikelo yamanqatha eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ezi nyama ziya kusoloko zisisabelo senu, kunye nabantwana benu, njengoko etshilo uNdikhoyo. ”
16UMosis watsho ebuza ukuba iye ngaphi na ibhokhwe yedini lokucamagushela isono. Waxelelwa ukuba nayo selitshisiwe. Loo nto yamcaphukisa, 17watsho wathi kuElazare noItamare: “Kutheni ningayityelanga kule ndawo ikhethekileyo nje inyama yedini lokucamagusha? Kaloku yinyama engaphumiyo; niyinikwa nguNdikhoyo ukuze nicamagushele ibandla. 18Kaloku igazi layo lingangeniswanga nje esibingelelweni phakathi, bekufuneka niyityele endaweni ekhethekileyo, njengoko bendiniyalele.”
19UAron waphendula wathi: “Kaloku namhlanje sizise idini lokucamagushela izono kunye nelethu elitshiswayo. Kambe ke uyayiqonda le ntlekele ihlileyo namhlanje! Xa besiyityile ke namhlanje inyama yeli dini ibingamkholisa njani uNdikhoyo loo nto?”
20UMosis akuyiva loo nto waxola.

Currently Selected:

EYONQULO 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy