YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 21

21
Izixeko zabaLevi
1Iintloko zezindlu zakwaLevi zaya kumbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zakwaSirayeli. 2Zaya kubo eShilo kwelamaKanana, zafika zathi: “*UNdikhoyo wayethe kuMosis thina masinikwe izixeko kunye namadlelo azo.” 3AmaSirayeli ke ngoko, ethobela umyalelo kaNdikhoyo, acaphula kwilifa lawo, abanika ezinye izixeko zawo abaLevi kunye namadlelo azingqongileyo.
4*Iqashiso lokuqala laphumela imizi yendlu yabaLevi bakwaKohati, babelwa izixeko ezilishumi linantathu, ezazikummandla wakwaJuda, nowakwaSimon, kunye nowakwaBhenjamin. 5Inxalenye yemizi kaKohati yabelwa ishumi lezixeko ezazikwaEfrayim, kwaDan, nakwisiqingatha sasentshonalanga sakwaManase.
6Indlu yakwaGershon yabelwa ishumi elinantathu lezixeko kummandla wakwaIsakare, nakwa-Ashere, kwaNafetali, nakwisiqingatha sakwaManase esiseBhashan.
7Indlu yakwaMerari ngokwemizi yayo yabelwa ishumi elinambini lezixeko kummandla wakwaRubhen nakwaGadi nakwaZebhulon.
8Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.
9-10Nazi ke izixeko ezabelwa abazukulwana baka-Aron, inzala kaLevi, bendlu kaKohati, ezazikummandla kaJuda noSimon: iqashiso laphumela bona kuqala, 11babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo, 12kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.
13Ukongezelela kwiHebron (eyayisesinye sezixeko zokuphephela) kwahlonyelwa nezi zixeko kubazukulwana bombingeleli uAron: iLibhena, 14iYatire, iEshtemowa, 15iHolon, iDebhiri, 16iAyin, iJuta, kunye neBhete-shemeshe, kwanamadlelo azo. Yayilithoba lezixeko kummandla wakwaJuda nakwaSimon. 17Kummandla wakwaBhenjamin babelwa zazine izixeko: iGibheyon, iGebha, 18iAnatoti, kunye neAlmon, kwanamadlelo azo. 19Zaba lishumi linantathu izixeko ezabelwa ababingeleli abazukulwana baka-Aron, kunye namadlelo azo.
20Eminye imizi yabaLevi endlu yakwaKohati yabelwa izixeko kummandla kaEfrayim. 21Banikwa izixeko ezine: iShekem namadlelo ayo kweleentaba lakwaEfrayim (yenye yezixeko zokuphephela nayo), iGezere, 22iKibhezayim, kunye neBhete-horon, kunye namadlelo azo.
23Kummandla wakwaDan abelwe izixeko ezine: iElteke, iGibheton, 24iAyalon, kunye neGati-rimon, namadlelo azo. 25Kummandla wesiqingatha sikaManase esingasentshonalanga abelwa izixeko ezibini: iTanaki, neGati-rimon, kunye namadlelo azo. 26Indlu yakwaKohati yabelwa ishumi lezixeko zizonke kunye namadlelo azo.
27Abanye abaLevi bendlu kaGershon babelwa izixeko zazibini kummandla wesiqingatha sikaManase esingasempuma: yaba yiGolan eBhashan (esinye sezixeko sokuphephela) kunye neBheshtera namadlelo azo. 28Kummandla wakwaIsakare babelwa izixeko ezine: iKishiyon, iDabherati, 29iYamuti, ne-En-ganim kunye namadlelo azo. 30Kummandla wakwa-Ashere babelwa zazine: iMishali, iAbhedon, 31iHelekati, neRehobhi, namadlelo azo. 32Kummandla wakwaNafetali zaba zithathu: iKedeshe eGalili namadlelo ayo (yayisisixeko sokuphephela), iHamoti-dore, neKartan, namadlelo azo. 33Imizi yendlu yakwaGershon yabelwa ishumi linantathu lezixeko zizonke, namadlelo azo.
34AbaLevi bendlu yakwaMerari, yona eyayingekabonelelwa, babelwa izixeko zazine kwaZebhulon: iYokeneham, iKarta, 35iDimna, neNahali, namadlelo azo. 36KwaRubhen babelwa zazine: iBhezere, iYaza, 37iKedemoti, eMefati, namadlelo azo. 38KwaGadi babelwa zazine: iRamoti-giliyadi namadlelo ayo (esinye sezixeko zokuphephela), iMahanayim, 39iHeshbhon, neYazere, namadlelo azo. 40Indlu kaMerari ke yabelwa ishumi linambini lezixeko zizonke, isabelwa ngokwezindlu zayo ngamaqashiso.
41-42AbaLevi babelwa izixeko ezingamashumi mane anesibhozo zizonke kummandla wamaSirayeli. Zonke ezo zixeko ngazinye zazinamadlelo azo.
UNdikhoyo uzalisekisa isithembiso sakhe
43Wenjenjalo ke *uNdikhoyo ukuzalisekisa isithembiso awasenzayo kookhokho bamaSirayeli sokuba wowanika umhlaba. Ema kuloo mhlaba ke amaSirayeli akuba ewuthimbile. 44Wezisa uxolo kulo lonke elo zwe uNdikhoyo, njengoko wabathembisayo ngesifungo ookhokho babo. Iintshaba zawo zonke zange zibe nakumelana nawo amaSirayeli kuba uNdikhoyo wayezinikela ezandleni zawo iintshaba zawo. 45Wazigcina zonke izithembiso awazenza kumaSirayeli uNdikhoyo; ewe, akukho nalinye ilizwi alithethileyo angalifezekisanga.

Currently Selected:

UYOSHUWA 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy