YouVersion Logo
Search Icon

UJOWELI 3

3
Ukugwetywa kwezizwe
1“Ke kaloku ngaloo mihla,
ngalo kanye elo xesha,
ekuyibuyiseleni kwam iJerusalem noJuda
kwimeko yayo yangaphambili,
2ndoziqokelela zonke izizwe,
ndizithobele kwintili kaYoshafati,
apho ke ndozigweba khona
ngenxa yelifa lam abantu bam amaSirayeli.
Kaloku bawasarhaze aziimbacu ezizweni,
bawahlula-hlula umhlaba wam.
3Benze *amaqashiso ngabantu bam;
ngenxa yamahenyukazi bathengisa ngamakhwenkwe,
ngenxa yewayini bathengisa ngamantombazana,
khon' ukuze babe nento yokusela.
4“Kambe ke niya kundenza ntoni na, nina Tire neSidon nemimandla yaseFilistiya? Ngaba nizama ukuphindisa ngenxa yesenzo sam? Xa kunjalo ke mna ndokhawuleza ndinibuyekeze kwangoko. 5Kaloku nayithimba isiliva negolide yam, nabuthatha nobona buncwane bobutyebi bam, nabuthimba nabusa ezindlwini zoothixo benu. 6AbakwaJuda nabaseJerusalem nithengise ngabo kumaGrike, nabasa kude lé kwelakowabo. 7Ngoku ke ndiza kubaphuthuma kwezo ndawo wabathengisa kuzo, ndiphindise ngenxa yezinto owazenza kubo. 8Oonyana neentombi zenu ndobathengisa kumaJuda; aze wona abathengise kwisizwe esikude, amaShebha.” Lawo ke ngamazwi kaNdikhoyo.
9Le nto yivakaliseni ezizweni.
Ndithi hlaban' umkhosi.
Ewe, waxhokonkxeni amajoni.
Onke amadoda emfazwe makasondele ahlasele.
10Amakhuba wajikeni abe ngamakrele,
izitshetshe zokuthena imithi zibe yimikhonto.
Negwala malithi: “Ndilikroti.”
11Phuthumani, yizani nonke, zizwe ezijikelezileyo;
yizani niqokelelane apho.
Thoba umkhosi wakho, Ndikhoyo.
12“Ke zona izizwe mazishukunyiswe
zingene kwintili kaJoshafati.
Ke mna ndohlala khona,
ndizigwebe iintlanga ezijikelezileyo.
13Ewe, khawufake irhengqe;
kaloku isivuno sivuthiwe ngoku.
Ngena uxovule iidiliya;
sona isixovulelo sizele,
kananjalo nemiphanda iyaphuphuma.
Kaloku inkohlakalo yabo inkulu.”
14Nâbo beyinyambalala yesihlwele phaya kwintili yesigqibo.
Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango;
ewe, iyifikele intili yesigqibo.
15Loba mnyama ilanga nenyanga;
iinkwenkwezi zosuka zifiphale.
16UNdikhoyo wobhavuma eZiyon,
izwi lakhe lizongome eJerusalem,
umhlaba nesibhakabhaka utsho ungcangcazele.
Ke abakhe bazimela ngaye uNdikhoyo;
ewe, yena ulixhadi labantu bakhe amaSirayeli.
Intsikelelo yabantu bakaThixo
17“Ke kaloku nina notsho niqonde
ukuba mna *Ndikhoyo ndinguThixo wenu.
Ndaye ke ndihlala eZiyon,
ndawo leyo iyintaba yam engcwele.
IJerusalem yoba sisixeko esingcwele,
ingaze iphinde yoyiswe ziintlanga.
18“Ngaloo mihla iintaba zovuz' iwayini entsha,
ke zona iinduli ziphalale ubisi,
iintlambo zonke zakwaJuda zimpompoze amanzi.
Kwindlu kaNdikhoyo kogqabhuk' umthombo,
kunkcenkceshelwe intili yaseShitim.
19IJiputa yojika ibe yintlango,
iEdom ibe yinkangala ebharhileyo,
kuba zisuke zamgonyamela uJuda,
ezweni lakhe zaphalaza igazi elingenatyala.
20UJuda uya kumiwa naphakade,
iJerusalem imiwe zizizukulwana ngezizukulwana.
21Ityala labo legazi endilibambileyo mna ndiya kulixolela.”
Kaloku uNdikhoyo umi eZiyon.

Currently Selected:

UJOWELI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy