YouVersion Logo
Search Icon

UJOWELI 1

1
Isingeniso
1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuJoweli unyana kaPetuweli.
Uhlaselo lweenkumbi
2Hoyina, zingwevu zakowethu!
Yivani, nonke bemi beli lizwe!
Nikhonje nakha nayibona into enje?
Khona kwimihla yamanyange yakhe yakho phi?
3Ke, yixeleni kubantwana benu;
nabo ze bayixelele abantwana babo,
ukuze nabo bayixelele isizukulwana esizayo.
4Oko kushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi;
okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi;
ukanti okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi!
5Vukani, nitshw' esofelweyo, manxila;
lilani nonke nigixe, baseli bewayini.
Ewe, bhombolozani ngenxa yewayini entsha –
kaloku sobe nibe saphinda niyirhabule.
6Kaloku eli lizwe lihlaselwe ngumkhosi;
ewe, ziingwanyalala eziyinyambalala.
Ngenene zizinto ezimazinyo angxavula okwengonyama.
Ngonyamakazi yakwabani emabamba anje?
7Isidiliya sam usibhuqe bhuqiyane,
imithi yam yomkhiwane wayitshabalalisa.
Ewe, uyixoze wada wayixobula,
wageqa noomaxolo ejuba phaya.
Ewe, iziphunzi zasala zimhlophe wee.
8Ngoko ke hlahlambani nixel' umfazana ozilayo
eswelekelwe ngumyeni wakhe.
9Okokwayo iminikelo yeenkozo,
ngokunjalo neminikelo yewayini,
inqamkile endlwini *kaNdikhoyo.
Ngoko ke ababingeleli bayagixa;
nditsho abo bangabalungiseleli bakaNdikhoyo.
10Kaloku nanko amasimi eze,
nomhlaba ngokwawo uyabhomboloza.
Kaloku ingqolowa itshabalele,
newayini yembala inqamkile.
Asisathethi ke ngamafutha omnquma.
11Ewe, ncamani, nina balimi,
nihlahlambe, batyali bomdiliya,
nangenxa yengqolowa nerhasi.
Ngenene isivuno samasimi sitshatyalalisiwe.
12Umdiliya usuke woma khwahla;
kanti wona umkhiwane uswamile.
Oomirharnati, isundu, nom-apile,
suka yabharha yonk' imithi.
Nasebantwini imivuyo iphelile.
Ukuzisola nenguquko
13Ke nina, babingeleli, fakan' ezokufelwa nizile;
bhombolozani, balungiseleli baseqongeni.
Yambathani ezokuzila nasebusuku,
nditsho nina, balungiseleli bakaThixo wam,
ngenxa yeminikelo yeenkozo nethululwayo.
Kaloku yona inqamkile endlwini yoThixo wenu.
14Bhengezani ithuba lokuzila;
ewe, miselani imbizo eyodwa.
Waqokeleleni amadod' amakhulu;
xa bebonke abemi beli lizwe
mabeze endlwini kaNdikhoyo uThixo wenu,
bakhale kuye.
15Hay' ukoyikeka kwaloo mini!
Ewe, imini kaNdikhoyo isemnyango!
Yogaleleka ipheth' intshabalalo evela kuSomandla.
16Kaloku kona ukutya suka kwanqanyulwa phambi kwamehlo ethu.
Asisathethi ke ngemivuyo nolonwabo –
alusekho nasendlwini kaThixo wethu.
17Imbewu isuka ingunde phantsi kwamagade.
Udladla ngokwalo seludlakadlaka,
noozisele ngokwazo zidibekile.
Kaloku ingqolowa itshile.
18Nâzo izilwanyana zigxwala,
imihlambi yeenkomo ikhohliwe.
Kaloku amadlelo azo akaphethe nto,
ukanti ke neegusha zixhwithekile.
19Ewe, Ndikhoyo, ndibhenela kuwe.
Kaloku amadlelo ethu atshile;
nemithi yonke irhawuke yaphela,
kwanga ilenywa lidangatye.
20Abhenele kuwe amarhamncwa nezilwanyana.
Kaloku imithombo yamanzi itshe qoko;
ewe, amadlelo asuke abharha.

Currently Selected:

UJOWELI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy