YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 9

9
UYobi: UThixo sisilumko esibalasele ngamandla
1Ke uYobi waphendula wathi:
2“Ewe, ndiyazi ukuba kunjalo;
kambe ke umntu angaphumelela njani xa emi enkundleni noThixo?
3Noba ungade uzimisele ukuxoxa,
awungebi nako ukuphendula nomnye kwiwaka lemibuzo yakhe.
4Kaloku yena sisilumko esibalaseleyo ngamandla;
akukho mntu unokumelana naye aze aphumelele.
5Kaloku yena neentaba ezi usuka azisiphule zingazi zona;
ewe, ngaloo ngqumbo yakhe usuka azibhukuqe.
6Yena nomhlaba lo uyawugungxula,
neentsika zawo zitsho ziqhaqhazele.
7Nelanga uthetha nalo litsho lingaphumi,
ke zona iinkwenkwezi uzigubungela zitsho zingaveli.
8Nguye owawatwabululayo amazulu,
waza wandolosa phezu kwawo amaza olwandle.
9Nguye umenzi weendidi zeenkwenkwezi,
oozibhere noomakroza, isilimela nomthala wasezantsi.
10Yena ngumenzi wezinto ezinkulu ezingaphicothekiyo;
kanti nemiqondiso yakhe ayinakubalwa.
11Nokuba selegqitha ngakum andinako ukumbona;
uthi tshe ndingaqondanga mna.
12Khona selengade athathe into, ngubani ongamnqandayo?
Akekho nongabuzayo athi: ‘Wenza ntoni ke?’
13Kaloku uThixo akabuyi ngamva ngengqumbo yakhe;
neentshaba zakhe ezazithelela uRahabhi isilo saselwandle wazinyhasha.
14“Bendingubani ke mna ukuba ndingade ndiphendulane naye?
Khona, ndingawazuza phi amazwi okuxoxa naye?
15Nditsho sendimsulwa, andingeze ndamxoxisa;
nto endingayenzayo kukuzibika ndimbongoze uMgwebi wam.
16Nokuba sendizibika kuye, naxa angade andiphendule,
anditsho ukuba angakuva ukuzithethelela kwam.
17Kaloku yena undintlitha ngenzwinini yesaqhwithi,
anditsho imivumbo ixananaze ngaphandle kwesizathu.
18Akandiniki neli lokukhok' umoya ithuba,
koko unditsho ndanengcwangu.
19Xa kuthethwa ngamandla, nguye onawo;
xa kuthethwa ngobulungisa, nguye onokundimangalela.”
UYobi: Andinabala, kodwa andizibaleli ntweni
20“Ndimsulwa ndinjalo, kodwa ndigwetywa kwangumlomo wam.
Nangona ndingade ndibe andinabala, yena angandifumana ndinetyala.
21Ewe, andinabala, kodwa andizibaleli ntweni;
nto nje ndikruqukile bobu bomi.
22Kuba kaloku kuyafana;
yiyo loo nto ke ndithi:
‘Yena utshabalalisa bonke,
abamsulwa ngokunjalo nezaphula-mthetho.’
23Isithwakumbe sithi sakuzisa ukufa
yena aphoxise ngaso isibetho sabamsulwa.
24Ihlabathi lisezandleni zezikhohlakali;
ke bona abagwebi ubamfamekisile.
Xa ingenguye ke uthi ngaba ngubani?
25“Imihla yam ikhawuleza ngaphezu kwembaleki;
ewe, ibaleka gqitha, ibe ke ayinayo nanto incomekayo.
26Iphala njengesikhephe seengcongolo;
ikhawuleza ngathi lukhozi lurhiwula ixhoba.
27Noba sendisithi:
‘Hayi, ngoku ndiza kukhe ndizingcwabe izikhalazo zam,
ndibobotheke ndihlale ndizonwabele,’
28ndisuka ndoyike ndibe namanwele,
kuba ndiyaqonda ukuba wena akungeke undibalele njengongenatyala.
29Ke, ukuba ndiza kugwetywa, ngani ukuba ndibe sazabalaza?
30Noba ndingade ndihlambe ngekhephu,
izandla zam ndizicoce ngesephu,
31wena uya kundiphosa emhadini,
nditsho ndibe rhono-rhono,
kwankqu neempahla zam zingandamkeli.
32“Ebengumntu na kakade ukuba ndibe ndiphendulane naye?
Hayi, bendingeze ndime naye enkundleni!
33Kaloku phakathi kwethu sobabini
akukho mlamli unokusahlula ngezandla zakhe.
34Hayi bo! Khawumke noswazi lwakho
khon' ukuze ndingabi sankwantya ndisoyika isohlwayo.
35Xa kunjalo ke ndingatsho ndithethe ndingenaloyiko,
kodwa ngale ndlela izinto zimi ngayo ngoku andinako.”

Currently Selected:

UYOBI 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy