YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 8

8
UBhildadi: UThixo akabugqwethi ubulungisa
1Waphendula ke uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:
2“Mfondini, koda kube nini ushwaqa,
usenza imbudede yamazwi afana nomoya obhudlayo?
3Uthi uThixo angakujika okulungileyo?
Uthi uSomandla angabugqwetha ubulungisa?
4Ukuba abantwana bakho bawaphule ummiselo wakhe,
yena ke ubawisele isohlwayo esibafaneleyo.
5Into omawuyenze wena kukuzibika kuThixo,
ubuse umbongoze uSomandla.
6Ukuba ungumntu onyanisekileyo omsulwa,
ngenene uya kukuva, akubuyekeze ngomzi wakho.
7Ewe, ubunayo inkqubela ngaphambili,
kodwa ayinakulinganiswa nendyebo owoba nayo esiphelweni.
8Khawuphonononge ulande imbali yemihla yamandulo;
phicotha ufunde kumava amanyange.
9Kaloku thina singabayizolo, asazi nto,
nemihla yethu emhlabeni idlula njengesithunzi.
10Ke bona baya kukululeka, bathethe nawe;
ewe, bangakuphokozela kuloo vimba wolwazi lwabo, bathi:
11‘Ngaba ingaphuma na imizí apho kungekho mgxobhozo?
Uthi ingakhula ingcongolo apho kungekho manzi?
12Zithi zingekalungeli kukhiwa,
zimbatshe kuqala kunezinye izityalo.’
13Iba njalo indlela yabo bonke abamlibalayo uThixo;
ewe, ithemba lâbo bangamnquliyo uThixo liyadaka.
14Kaloku bona bangqiyama ngentambo yesigcawu,
lisuke ke elo themba labo linqamke.
15Bayama ngendlu yesigcawu, ibe ke yona ingaqinanga;
babambelela kuyo ngoku yona igqashu-gqashu.
16Bahluma okwesityalo esinamanzi esibethwa yimitha yelanga,
sona esinwenwa siphinyele egadini.
17Iingcambu zaso zibhijela amatye,
zibambelele kuwo.
18Phofu ke uthi wakusincothula,
kungabi sabonakala ukuba sasikhe sakho.
19Uyabona, injalo indlela yokukhula kwaso:
indawo yaso ithathwa sesinye.
20“Ewe, uThixo akamlahli umntu othembekileyo,
kodwa akangeke azomeleze izandla zabenzi bokubi.
21Ngoko ke úya kulubuyisela uncumo emlonyeni wakho,
nemilebe yakho ibobotheke yimincili.
22Ke bona abakuthiyileyo baya kwambathwa lihlazo;
kanti ke yona imizi yabakhohlakeleyo iya kubhanga.”

Currently Selected:

UYOBI 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy