YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 4

4
UElifazi: Obhangayo ngonetyala
1Kwesi sithuba ke kuphendule uElifazi waseTeman, wathi:
2“Ngaba xa umntu enokukuphendula awungekhathazeki kodwa?
Phofu ke ibingubani onokuthula nje?
3Khumbula kaloku ukuba baninzi abantu obaqeqeshileyo,
ubakhuthaza ubomeleza abazandla zinomkhinkqi!
4Ngamazwi akho ubaxhasile abakhubekayo,
wabaqinisa abamadolo agevezelayo.
5Namhlanje ke kungawe, naku ke wena ungenakunyamezela;
ewe, zidla kuwe, ngoku ke wena suka wadideka.
6Andithi na kaloku wena ukholosa ngokuhlonela uThixo?
Ewe kaloku, qamela ngobunyulu beendlela zakho, ukholose!
7“Hayi kaloku, khawuzikise ukucinga;
ngubani owakha wabhanga emsulwa?
Ingubani khona owakhe watshabalala kodwa engenabala?
8Ke kwawam amava, abalima ububi, batyale inkathazo,
bavuna loo nto bayilimileyo.
9Ewe kaloku, ngokuphefumla nje kukaThixo batsho badake;
ngenene yena ufutha kube kanye batsho baphel' emehlweni!
10Bona banjengeengonyama ezikroboke amazinyo:
nokuba ziyagquma zibhavumle ngokurhwaqelisayo,
11ziyatshabalala kukuswela amaxhoba,
nawo amathole azo asuke abe ziintsali.”
UElifazi: Akukho mntu ulilungisa kunoThixo
12“Ndakha ndee rhithi udaba bunkente-nkente;
ewe, iindlebe zam zeva amarhe ngathi kuyasetyezwa.
13Kanye ngaloo mathuba emiva-ndedwa yemibono ebusuku,
xa kanye ndikobentlombe,
14suka ndarhwaqela ndankwantya,
ada amathambo am anengevane.
15Nako ke kusithi phinzi into phambi kwam;
hayi ke, ndahlathuzela ngamanwele!
16Nantso ke, suka yema bhunxe!
Hayi, andibanga nakuyinakana mpela.
Phofu wona umthinzi wabe uphambi kwam –
hayi ke, kwathi cwaka,
ndada ndeva ilizwi lisithi:
17‘Ngab' ingenzeka na into yokuba umntu abe lilungisa kunoThixo?
Umntu angaba nyulu ngaphezu koMdali wakhe?
18Andithi na kaloku nezicaka zakwakhe akazithembi?
Nditsho nezithunywa zakhe azimkholisi kwaphela.
19Babengoobani ke abantu abahlala ezindlwini zodaka,
abantu abasiseko siluthuli,
abasuka batyumke njengenundu?
20Umntu ungambona ekhona kusasa,
kanti ke kuya kuthi kurhatyela abe selengasekho;
ewe, utshabalala kuphele engakhange aqondakale!
21Kaloku nelo nqugwala lakhe lisuka lincothulwe,
ke yena afe engekabufumani bona ubulumko!’ ”

Currently Selected:

UYOBI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy