YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 34

34
UElihu: UThixo akayenzi inkohlakalo
1Ke uElihu utyatyadule wenjenje:
2“Hoyina, nani nina zilumko;
khanibek' iindlebe, nani zingqondi!
3Ukutya kungcanyulwa lulwimi,
ke yona intetho iviwa ziindlebe.
4Makhe sikhethe oko kulungileyo;
ewe, masiphicothe oko kufanelekileyo.
5“Kaloku uYobi uthi: ‘Ndimsulwa,
kodwa uThixo undivimb' ubulungisa.
6Nangona ndinyanisekile, ndiphathwa okwexoki;
nangona ndingenatyala, utolo lwakhe lundingxwelerhile.’
7Wakha wakho phi ofana noYobi lo,
osoloko ehlalele ukuphoxisa,
8umnt' osoloko ethene mbende nabenzi bobubi,
ohlal' eqhogene nezikhohlakali?
9Kaloku yena uthi:
‘Akumncedi lutho umntu
ukuzimisela ukukholisa uThixo.’
10“Kambe ke ndiphulaphuleni, zingqondi:
kukude lé kuThixo ukwenza ububi,
kuSomandla ukwenza ubugwenxa.
11Kuye umntu uvuna loo nto ayilimileyo;
umntu umphatha ngokwehambo yakhe.
12Hayi bo, uThixo akayenzi inkohlakalo;
uSomandla akabugqwethi ubulungisa.
13Kakade ngubani owammiselayo ukuba alawule ihlabathi?
Ngubani owambeka ukuba alongamele lonke elimiweyo?
14Xa ebenokusuka azimisele
awunqamle umoya wakhe nempefumlelo yakhe
15konke okuphilayo kungasuka kutshabalale,
noluntu lonke lubuyele kwaseluthulini.
16“Ngaba uyaqiqa na – phulaphula ke!
Bek' iindlebe ndithethe.
17Umchasi-mthetho angalawula njani?
Ke wena ungamgweba njani uThixo
eyingangalala yelungisa nje?
18Kaloku nakukumkani yena unokuthi: ‘Awunto yanto;’
aze kwizidwangube athi: ‘Nizizinto ezikhohlakeleyo.’
19UThixo akakhethi buso nakumatshawe;
nesityebi akasilungiseleli ngaphezu kwehlwempu;
kaloku bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.
20Bafa ngephanyazo ezinzulwini zobusuku;
bayagungqiswa abantu, bafe;
kwanezihandiba ziyawa zingawiswanga mntu.
21“Kaloku yena uzijongile iindlela zabantu;
uwabona onke amanyathelo abo.
22Kaloku akukho thunzi nantsunguzi yabumnyama
apho abenzi bobubi bangazifihla khona.
23KuThixo akuyomfuneko ukubancwina ngakumbi abantu
xenikweni ebasa ematyaleni.
24KuThixo akukho mfuneko yaluphando
xa abakhiqayo abasezintanjeni,
aze amisele abanye ezikhundleni zabo.
25Kaloku uyazazi izenzo zabo;
ubabhukuqa ngobusuku babhange.
26Xa sukuba ebohlwaya ngenxa yobugwenxa babo,
loo nto uyenza esidlangalaleni.
27Andithi na kaloku basuke bakreqa,
ababi sazikhathalela iindlela zakhe?
28Ohlelelekileyo bamtsho wazibika kuThixo,
waza ke yena wasiva isikhalo sabasweleyo.
29Xa athe cwaka ngubani ongamgwebayo?
Naxa efihle ubuso bakhe ngubani ongambonayo?
Nguye ngokwakhe olawula uluntu nezizwe,
30ukuze athintele isikhohlakali ekulawuleni,
singababekeli umgibe abantu.
31“Ukuba ngaba umntu ebenokuthi kuThixo:
‘Ndikuvukele, kodwa andiyi kuphinda ndone.
32Ndifundise oko ndingenako ukukubona.
Ukuba ndenze ubugwenxa andisayi kuphinda ndenjenjalo.’
33Ngaba uThixo uthi useza kumohlwaya
ngenxa yokumvukela kwakhe?
Zikhethele ngokwakho, ingabi ndim.
Into oyaziyo yithethe.
34“Kambe ke iingqondi zosuka zithi,
ewe, izilumko zona zingathi:
35‘UYobi uthethiswa kukungazi;
ewe, akathethi, koko uyabhibhidla.’
36Akwaba uYobi ebenokucikidwa ngokupheleleyo,
kuba impendulo yakhe ifana neyendoda ekhohlakeleyo.
37Ewe, esi sono sakhe uyasandisa,
kuba kaloku usuka adlongozele,
aqhwabe ngolunya izandla zakhe phakathi kwethu,
atheth' umlembelele ngoThixo.”

Currently Selected:

UYOBI 34: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy