YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 20

20
UZofare: Imincili yalowo ungamnquliyo uThixo yeyomzuzwana nje
1Ke kaloku uZofare waseNama waphendula wathi:
2“Ukudubeka kwam kundibangela ukuba mandiphendule;
kunditsho ndikungxamele ukuthetha.
3Ngale ndlela undigxeka ngayo uyandihlaza,
kodwa ndiza kukuphendula ngengqiqo.
4Ngaba akuyiqondi le nto, ingathi lisiko lidala nje?
Laqala kwaukufika komntu wokuqala ehlabathini.
5Nditsho le nto yokuba ulonwabo lwesikhohlakali alubhekele phi.
Kaloku imincili yalowo ungamnquliyo uThixo yeyomzuzwana nje.
6Ewe, yena angasisihandiba esiwakrobeleyo namazulu,
abe sisikhulu esintloko irheca amafu,
7kodwa wosuka adake kuphele njengelindle lakhe,
baze abo bebembonile bathi: ‘Utshone phi na?’
8Usuka athi shwaka njengephupha,
azimele njengombono wasebusuku,
angaze aphinde alanywe bani.
9Ababehlala bembona abaphindi bambone,
futhi nendawo yakhe ingaze ibe samalama.
10Abantwana bakhe baya kubabuyekeza abasweleyo,
izandla zakhe zibuyisele ubutyebi bakhe kubo.
11Nakuba wayefudula enamandla ngeemini zobutsha bakhe,
kodwa ngoku loo mandla aya kulala eluthulini kunye naye.
12“Inkohlakalo inganambitheka kamnandi emlonyeni wakhe,
ade ayigushe phantsi kolwimi.
13Anganamathela kuyo angavumi ukwahlukana nayo,
asuke akhethe ukuhlala eyimumathile ngenkalakahla.
14Kodwa ke oko kutya kwakhe esiswini sakhe kosuka kukrakre,
kube ngathi yityhefu yephimpi.
15Kaloku umntu okhohlakeleyo ubutyebi ubuginya ajike abuhlanze;
uThixo ubugrumba nakweso sisu sakhe.
16Isikhohlakali simfimfitha ubuhlungu bamaphimpi,
buze busibinze kanye oku kobuhlungu berhamba.
17Asihlali side sibone imilambo empompoza amanzi,
okanye iintlambo ezinkcenkceza ubusi namasi.
18Ukubulaleka kwaso kufuneka sikuncame
singakhange sikuxhamle;
kaloku asilifumani ithuba lokubutya ubutyebi baso,
sinambithe imveliso yokurhweba kwaso.
19Andithi na kaloku sona saphila kukucinezela abahlelelekileyo;
izindlu sizifumana singazakhanga?
20“Kaloku ukunyoluka komntu okhohlakeleyo akunasiphelo;
ulixhoba leminqweno yakhe.
21Utya konke, angashiyi nto;
ngoko ke ngoku inkqubela yakhe isuke yanqamka.
22Uthi xa asencotsheni yempumelelo ahlelwe ziinzima;
zisuke zimfikele ngamandla iinkathazo.
23Angatya yena ahluthe mpu,
kodwa uThixo wosuka amnisele ngengqumbo yakhe,
amohlwaye ngokumzisela imfazwe.
24Xa azama ukuphepha ikrele elenziwe ngentsimbi
uya kuchanwa lutolo lobhedu, lumbinze luphumele.
25Xa elikhupha emqolo,
encothula intloko yalo ekhazimlayo enyongweni,
wosuka onganyelwe kukunkwantya.
26Yonke indyebo yakhe yovuthuluka iphele,
kuthi gqi umlilo ongaphenjwanga mntu
utshabalalise okushiyekileyo endlwini yakhe.
27Amazulu osuka awadandalazise amatyala akhe,
ke lona ihlabathi lisuke limvukele.
28Indlu yakhe iya kukhukuliswa,
imke nomsinga wamanzi ngemini yengqumbo kaThixo.
29Naso ke isabelo uThixo asinika abakhohlakeleyo;
ewe, elo lilifa abamisele lona uThixo.”

Currently Selected:

UYOBI 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy