YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 19

19
UYobi: Ndiya kumbona uThixo
1Ke kaloku waphendula uYobi wathi:
2“Yaz'ba koda kube nini na nindingcungcuthekisa,
nindaphula nindikroboza ngamazwi?
3Kunini niphoxisa ngam!
Aninantloni ukundihlasela kangaka?
4Khona sekusithiwa ndonile,
ningena phi ke nina?
5Eyona nto ngoku niyandivuyelela;
kuni ezi nkathazo zam zibonisa ubutyala bam.
6Anisaboni ke nina ukuba nguThixo lo undifake kule ngxingwa?
Ewe kaloku, nguye ondigubungele ngomnatha.
7“Ndiba ngakhwaza ndisithi: ‘Ugonyamelo!’
andifumani nokuhoywa oku!
Futhi ndibe ngazibika,
akukho bani undilamlelayo!
8Yena uyivalile indlela yam ukuze ndingabi nakugqitha.
Iindlela zam uzithe zinzi ngobumnyama.
9Yena undihlube iwonga lam,
wandihlutha naloo ntshinga bendinayo.
10Undidilize macal' onke, ndee shwaka,
walincothula njengomthi ithemba lam.
11Ingqumbo yakhe uyijolise kum;
undiphethe njengolona tshaba lwakhe.
12Undikhuphele umkhosi wakhe;
undimbela izikanisi zokundihlasela;
ujikeleza umzi wam.
13Unditsho ndabalekwa nangabantakwethu;
xa kungokunje nezihlobo zam ezi zihambela phaya!
14Okwakuzizalamane zam zindishiyile,
ngokunjalo nabazalana nam bandilibele.
15Abo babeziindwendwe zam abasandikhumbuli,
nezicakazana zam azisandazele nto,
sendithathwa njengowasemzini.
16Ndakusibiza isicaka sam, asisabeli nokusabela oku,
nditsho nokuba ndiyasicenga.
17Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;
sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.
18Sendidelwe nangabantwana aba bembala;
bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.
19Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;
ukanti nâbo ndibathandayo bandivukele.
20Izihlunu zam sezithe nca emathanjeni,
nolusu lwam sendilonwaya ngamazinyo.
21“Hoyina! Hoyina, balingane bam; khanibe nebuya-mbo!
Kaloku sisandla sikaThixo esi sindenze ndanje!
22Ngani ukuba nani ninditshutshise njengoThixo?
Hayi kaloku, noko ngoku sekwanele!
23Akwaba ebekho owabhalayo la mazwi am;
akwaba ebeshicilelwe encwadini!
24Ngenene akwaba la mazwi ebekrolwe elityeni ngentsimbi ebukhali nangelothe,
khon' ukuze ahlale ehleli nanini nanini!
25Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.
26Nokuba ulusu lwam lungade ludlavulwe sesi sifo,
noko uThixo yena ndiya kumbona ndidlavuke ndinjalo!
27Ewe, ndiya kumbona ngala wam amehlo,
indim, ingenguye wumbi.
Loo nto ndiyilangazelela ngomxhelo wam wonke.
28Ke nina nisuka nithi:
‘Hayi ukungcungcutheka kwakhe!
Yabe ingcambu yaloo nto ikuye ngenkqu.’
29Kambe ke lilumkeleni ikrele elifunza kuni,
ikrele lengqumbo kaThixo ngenxa yesono;
liya kunenza niqonde ukuba ukhona umgwebi.”

Currently Selected:

UYOBI 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy