YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 13

13
1“Hayi kaloku, zonke ezi zinto sendikhe ndazibona
ngala wam amehlo;
ewe, ndizivile ngezi zam iindlebe, ndaye ke ndiziqonda.
2Zonke ezi zinto nizaziyo nam ndiyazazi;
anindidlule nganto.
3Kambe ke mna okunokwam ndifuna ukuthetha noSomandla,
ndiwaneke ndiwuxoxe naye lo mcimbi.
4Ke nina nilibele kukugquma inyaniso ngobuxoki;
nifana nqwa neqithilili logqirha ongenakunyanga mntu.
5Akwaba beningathi cwaka;
oko kuthula kwenu bekungaba bobona bulumko benu.
6Khaniphulaphule xa ndixoxayo,
nive ukuzithethelela kwam.
7Nicinga ukuba ningakuThixo, nide nikhuthaze intswela-bulungisa nje?
Nithi ninceda yena ngale nkohliso?
8Ngaba nizama ukuthatha icala ngenxa yakhe?
Nifuna ukuthethela uThixo?
9Nithi kunganjani xa anokuthi anigoca-goce?
Mhlawumbi naye nithi ningamkhohlisa ngale ndlela nibakhohlisa ngayo abantu?
10Inene, uya kunohlwaya,
ukuba nenza isheyi ngokufihlakeleyo.
11Ewe, ubungangamsha bakhe buya kunirhwaqelisa,
nonganyelwe kukunkwantya.
12Kaloku ezi zangotshe zenu zifana nelahle elinothuthu;
zaye ke nezi ngxoxo zenu ziya kusumka ngathi ludongwe.”
UYobi: Mandiyandlale kuThixo imeko yam
13“Sukan' apha! Khanindiyeke ndithethe utyhatyhiwe,
yehl' ehlayo!
14Ngoku ndiza kuzibeka esichengeni,
ubomi bam bube semngciphekweni.
15Noba selengade andigwinte andikhathali;
kodwa ukuxoxa oku ke kona ndiza kuxoxa,
ndiyandlale kuThixo imeko yam!
16Mhlawumbi le nto yeyona ingandisindisayo,
kuba ke akukho saphula-mthetho singade sibe nokujongana naye.
17Khanibaz' iindlebe nindiphulaphule,
niyiqwalasele ingcaciso yam.
18Hayi ke, ngoku sendiqule ndaligangatha;
futhi ndiza kuyibeka imeko yam, ndixoxe ndiphume phambili.
19Ngaba ukhona na ongabambana nam?
Kuba xa kunjalo ndothi cwaka ndife.
20“Masivumelane ngezi zinto zimbini, Thixo,
ukuze ndingabi sazama kuzifihla kuwe.
21Sirhoxise kum isandla sakho, sahlukane nam;
mandingabi sahlala ndirhwaqele ndisoyika wena.
22Uze uthethe, ndiya kukuphendula;
okanye kuya kuthetha mna, ke wena uze undiphendule.
23Bungakanani na ubugwenxa bam nesono sam?
Ndazise ubutyala nokona kwam.
24Ngani ukuba undifulathele,
undithathe njengotshaba?
25Ngoku sowusukelisana negqabi eliphephethekayo?
Uhlasela inkintshi-nkintshi yomququ?
26Kaloku undimangalela ngezityholo ezinzima;
ude undityabeke ngobutyala bam basebuntwaneni.
27Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;
uyazigqala zonke iindlela zam,
uzicandele umda iintende zeenyawo zam.
28Ngenxa yoko ndivuthuluka njengevithi;
sendifana nempahla edliwe ngamanundu.”

Currently Selected:

UYOBI 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy