YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 12

12
UYobi: Ngubani ongàzaziyo ezi zinto?
1Ke uYobi waphendula wathi:
2“Inene, ningabona bantu;
ibe ke nobulumko buya kufa nani!
3Kambe ke nam ndinengqondo njengani;
anindidluli nganto.
Kakade ke nithi ngubani ongàzaziyo ezi zinto?
4“Mna ndiyakhala kuThixo, aze andiphendule;
kodwa ngoku sendiyintlekisa nakwizihlobo zam –
ewe, ilungisa lomfo ongenabala,
kambe ke namhlanje ndisisigculelo!
5Oseshweni uyadelwa ngabathe zava;
ogxadazelayo uyakhatywa!
6Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa;
abamqumbisayo uThixo bakhuselekile;
nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.
7“Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa;
nibuze nasezintakeni, zinixelele.
8Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika;
ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.
9Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.
10Kaloku zonke izinto eziphilayo zisesandleni sakhe,
nobomi boluntu lonke buxhomekeke kuye.
11Kaloku kwanjengokuba umlomo usiva ubunjani bokutya,
nendlebe ke iyawaphicotha amazwi.
12Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu;
ke bona ubudala buza namava.
13“Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla,
amacebo nengqiqo.
14Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe;
ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.
15UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela;
kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.
16Ukomelela noloyiso lolwakhe,
kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.
17Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,
nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.
18Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani,
aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.
19Ababingeleli ubatsho baphoxeke,
aze wona amakhwahla awakhiqe.
20Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle;
aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.
21Amatshawe uwahlaza ngendelelo;
ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.
22Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama,
nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.
23Uyazikhulisa izizwe, abuye azivuthulule;
azithi jize ngobungangalala, abuye aziyekele zithinjwe.
24Iinkokheli zezizwe uzitsho zibe zizithwanga-thwanga,
zifathule zibhadula enkangala.
25Ngoko ke ziphutha-phutha ebumnyameni, kungekho kukhanya;
zigxadazele njengamanxila.”

Currently Selected:

UYOBI 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy