YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 9

9
1Akwaba intloko yam ibiliqula lamanzi,
namehlo am engumthombo weenyembezi,
bendiya kukhala imini nobusuku, ndililele amawethu abuleweyo.
2Akwaba bekukho indawo entlango yokulalisa abahambi,
ngendiwashiya amawethu, ndimke,
bengabakreqi nje, imbutho yabangathembekanga.
3“Iilwimi zabo zitsawula ubuxoki okwesaphetha.
Ilizwe longanyelwe bubumenemene;
ayikho intembeko.
Basuka bongeze ububi phezu kobubi.
Kodwa mna abandazi.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
4“Balumkele kwa-abahlobo,
ungathembi nkqu nomntakwenu lo,
kuba bonke abantakwenu ngamamenemene,
abahlobo bayahleba xa bebonke.
5Ewe, abahlobo bayakhohlisana;
akukho uthetha inyaniso.
Baziqhelisa ukuthetha ubuxoki,
bawaqobe amandla abo ngokona.
6Inene, umi phakathi kwabantu abakhohlisayo;
ngenkohliso yabo abavumi ukundazi.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
7Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:
“Ngenxa yale nto abantu bam ndiza kubahluza,
ndibavavanye.
Akukho ndlela yimbi ngenxa yesono sabo.
8Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;
luthetha inkohliso.
Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,
ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.
9Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?
Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
10Mna ndiza kugixa,
ndililele iintaba, ndizile,
kuba amadlelo atshile,
akusekho bani uhamba kuwo,
akusanxakami nankomo.
Iintaka zibalekile,
neenyamakazi zimkile.
11“IJerusalem ndiza kuyitsho ibe ngamabhodlo
nesikhundla soodyakalashe,
ndizitshabalalise iidolophu zakwaJuda,
kungahlali bani khona.”
Utsho uNdikhoyo.
12Sisiphi na isilumko esinokuyiqonda le nto? Ngubani oyixelelweyo nguNdikhoyo onokuyichazela abanye? Kungani ukuba lo mhlaba utshatyalaliswe, ube ngumqwebedu wentlango engenakuhanjwa bani?
13UNdikhoyo uthi: “Bawutyeshele umyalelo wam endabanika wona, àbalithobela ilizwi lam ukuze bahambe ngalo, 14koko basuka bona balandela iintliziyo zabo ezinenkani, balandela iindlela zooBhali abazifunda kooyise.” 15Ke ngoko utsho uSomandla-onke uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Aba bantu ndiza kubanika ukutya okunedliso, ndibaseze amanzi anetyhefu. 16Ndiza kubathi saa phakathi kweentlanga abangazaziyo, ezingaziwayo nangooyise, ndibasukele ngekrele ndide ndibatshabalalise.”
Isililo eZiyon
17Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:
“Qiqani!
Memani abafazi bokuzila,
nditsho awona amacikokazi,
bahlabele iingoma zesililo.
18Mabakhawulezise batsho ngesililo,
side sintywizise iinyembezi,
de amehlo ethu aphalale zizo.
19Phulaphulani, isililo sivela eZiyon sisithi:
‘Awu! Safa saphela!
Hayi, ihlazo esikulo!
Salishiya ilizwe lakowethu;
izindlu zethu zidiliziwe.’ ”
20Bafazindini, liveni ilizwi likaNdikhoyo.
Wabekeleni iindlebe amazwi omlomo wakhe.
Fundisani iintombi zenu isimbonono;
fundisanani ingoma yesililo.
21Ukufa kuthubeleze ngeefestile
kwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo;
kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni,
kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.
22Kanti ngaphezu koko uNdikhoyo uthi mandithi:
“Izidumbu ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe,
njengengqolowa esikwe yashiywa ngumvuni ingenabani wakuyiqokelela.”
23Uthi uNdikhoyo:
“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;
igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;
nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.
24Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;
kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,
nokulungileyo, nobulungisa.
Nazo ke izinto ezindikholisayo.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
25Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, iyeza imihla endiya kubohlwaya ngayo kwanabo bolukileyo enyameni. 26Ndiza kuwohlwaya amaJiputa, namaJuda, namaEdom, nama-Amon, namaMowabhi, kwanâbo bangabemi basentlango abanwele zichetyiweyo ezintlafunweni. Kaloku zonke ezi ntlanga enyanisweni azalukanga. Nkqu indlu kaSirayeli iyonke ayalukanga entliziyweni.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy