YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 8

8
1Nanku umlomo kaNdikhoyo: “Ngelo xesha amathambo ookumkani bakwaJuda, naweendwalutho zalapho, awababingeleli kunye nabashumayeli kwakunye nabemi baseJerusalem, aya kukhutshwa emangcwabeni. 2Aya kubhencwa elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini ababezithanda bezikhonza, bekhokelwa zizo, bebuzisa kuzo, benqula zona. Aya kuthi saa phezu komhlaba oku kwamalongwe, angafihlwa bani. 3Amasalela olu hlanga lukhohlakeleyo, endiya kuwathi saa elizweni, aya kukhetha ukufa endaweni yokudla ubomi kwezo ndawo akuzo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.
Isono nesohlwayo
4“Yithi kubo: Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Xa umntu ewile, kanene akabuyi avuke na? Xa ebephambukile, akabuyi ayilande indlela? 5Ke, ngabantu abatheni bona aba baseJerusalem bathe rhoqo ukukreqa kum? Ngabatheni aba banamathele kumampunge, besala ukubuyela kum? 6Ndikhe ndabaz' iindlebe, kodwa akwabakho uthetha nto ifanelekileyo, akwabakho namnye uyidaneleyo inkohlakalo yakhe, akwabakho bani uzohlwayayo athi: ‘Bendiyenzela ntoni le nto?’ Ulowo nalowo uhamba ngayibonayo, axel' ihashe lityhudisela edabini. 7Nditsho nengwamza le ibhabh' emafini iyalazi ixesha lokujika. Iinkonjane, amahlankomo, nkqu nendwe le, iyalazi ixesha lokufuduka, kodwa bona abantu bam abazani nezithethe zam.
8“Ningatsho njani ukuthi: ‘Sihlakaniphile; siyawazi umthetho kaNdikhoyo;’ ukanti inyaniso yawo seyigqwethiwe ngababhali-mthetho! 9Izilumko zenu zihlazekile, zibhidekile, kuba zibhaqiwe. Kaloku ilizwi lam zilibukule nje, zinabulumko buvela phi? 10Ngoko ke abafazi babo ndiza kubanikela kwamanye amadoda, ngokunjalo nemihlaba yabo ndiyinikele kwabanye abantu. Kaloku xa bebonke aba bantu, kususela koyena uphantsi kuse kophezulu, basemva kwenzuzo. Abashumayeli nababingeleli bangamamenemene athanda inzuzo ngondlela-mnyama. 11Amanxeba abantu bam baba bangawanyanga ngokuthi: ‘Ngxe, ngxe; akukho ngozi!’ Ukanti alixolanga. 12Zizinto ezingenazo neentloni! Naxa zenze amanyundululu azibi nalo nonyungu olu. Ngoko ke baza kuwa nabawileyo, bakhubeke mhla ndibohlwayayo.” Utsho uNdikhoyo.
13“Ndiya kubaqokelela abantu bam, ndixele umlimi ovunayo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Boba njengomdiliya ongenaziqhamo, nomthi ongenamakhiwane, oseluvuthuluke nkqu namagqabi la. Ewe, ndobanikezela kwabanye.”
14“Sisahlalele ntoni?” Kubuza abantu. “Masihlangane siye kufela kwizixeko ezinqatyisiweyo kube kanye. Kaloku uNdikhoyo uThixo wethu selesigwebele ukufa ngokusinika amanzi anetyhefu, kuba simonile. 15Besilindele inzolo, suka kwavela ububi; besijonge ukuphiliswa, nako kuvela unxunguphalo. 16Amahashe eentshaba avakala ebetha ithatha phaya kwaDan. Iinkunzi zamahashe abo zikhonya kushukume umhlaba. Bayeza beze kuwutshabalalisa lo mhlaba nento yonke ekuwo, nditsho isixeko ngasinye sinabemi baso.”
17“Ndiza kunithumela iinyoka ezinobuhlungu, amarhamba angenakwenziwa mbuna, anilume.”
UJeremiya ulilela amawabo
18Umva-ndedwa undongamele;
ibuhlungu intliziyo yam.
19Phulaphula! Ndiva isikhalo samawethu
sihlokoma kwelikude, sisithi:
“Ngaba uNdikhoyo sele wemka na eZiyon?
Ngaba usekho na apho uKumkani waseZiyon?”
Uthi *uNdikhoyo:
“Nina, nindiqumbiseleni ngokunqula izithixo,
niqubude kwizinto ezingento zasemzini?”
20Abantu bona bathi:
“Sekugqityiwe ukuvunwa,
nehlobo sele lidlule,
kodwa ke thina asikasindiswa.”
21Ngenxa yamanxeba amawethu nam ndiziva ndiyingxwelerha.
Ndizilile, ndimatshekile.
22Ngaba akusekho yeza na eGiliyadi?
Akusekho gqirha na khona?
Ngani banganyangwa nje abantu bakowethu?

Currently Selected:

UJEREMIYA 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy