YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 50

50
Udaba malunga neBhabheli
1Nâli ilizwi *uNdikhoyo awalithethayo ngomshumayeli uJeremiya malunga neBhabheli nezwe lamaKaledi:
2“Xelani nivakalise ezintlangeni,
niphakamise ibhanile niqononondise.
Musani ukufihlisa, koko yithini:
‘Ithinjiwe iBhabheli;
uhlazekile uBhele;
uMarduki uyankwantya luloyiko.
Zihlazekile izithixo zabo;
ziyankwantya izinto ezingamasikizi abazinqulayo.’
3Kaloku ihlaselwe luhlanga lwasentla
oluya kwenza ilizwe libe senkangala.
Aliyi kumiwa bani –
bobaleka bemke abantu kwanezilwanyane.
4“Ngaloo mihla nangelo xesha,”
lowo ngumlomo kaNdikhoyo,
“abantu bakwaSirayeli nabantu bakwaJuda
baya kuhamba kunye belila,
befuna uNdikhoyo uThixo wabo.
5Baya kubuza indlela esinga eZiyon,
babheke kuyo, bathi:
‘Yizani, sizimanye noNdikhoyo
ngomnqophiso ongenasiphelo nongasayi kulityalwa.’
6“Abantu bam bâba ziigusha ezilahlekileyo;
balahlekisiwe ngabelusi babo,
babhadula ezintabeni,
bajikeleza iintaba neenduli,
bayilibala indawo yabo yokuphumla.
7Babedliwa ngabo bonke ababafumanayo;
iintshaba zabo zazisithi: ‘Asinatyala.
Kaloku bamonile uNdikhoyo,
yena olidlelo lenene,
yena Ndikhoyo ithemba looyise.’
8“Balekani niphume eBhabheli;
lishiyeni izwe lamaKaledi,
nixelise iinkunzi zeebhokwe ezikhokela umhlambi weegusha.
9Kuba kaloku kwelasentla ndiya kuvelisa igqiza leentlanga ezinkulu;
ndizifunzela eBhabheli.
Ziya kuwacwangcisa amajoni, abe zizintlu zokulwa,
ziyihlasele zivela ngasentla, ziyithimbe.
Iintolo zabo ziya kuba njengamagorha anobuchule angabuyi elambatha.
10Loba lixhoba elamaKaledi,
abathimbi balo bathimbe bade banele.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
11“Nakuba nivuya nidlamkile,
nina baphangi belifa lam,
nakuba nidloba njengethokazi elibhulayo,
nakuba nikhala okweenkunzi zamahashe,
12uya kuba neentloni gqitha unyoko iBhabheli;
uya kuhlazeka onizeleyo.
Niyabona, uya kuba ngowokugqibela ezintlangeni –
intlango, umqwebedu, inkqantosi.
13Ngenxa yengqumbo kaNdikhoyo uya kuba sisixeko esingamiwa bani,
indawo eyinkangala mpela.
Bonke abadlulayo eBhabeli baya kothuka,
bathi khumnqa ngenxa yokubhukuqwa kwayo.
14“Yakhani uhlelo, niyingqinge iBhabheli,
nina nonke batyedi besaphetha.
Tolani nitsho kuyo, ningashiyi lutolo,
kuba imonile uNdikhoyo.
15Hlabani umkhosi macala onke!
Iyanikezela –
iinqaba zayo ziwile;
iindonga zayo zidiliziwe.
Yimpindezelo kaNdikhoyo le;
phindezelani ke kuyo,
nenze kuyo njengoko nayo yenze kwabanye.
16Mnqumleni eBhabheli umhlwayeli
nalowo uphethe irhengqa ngexesha lokuvuna.
Ngenxa yokudlavula kwekrele
elowo ubheka ebantwini bakowabo,
elowo ubalekela ezweni lakowabo.
17“USirayeli uyigusha ebhacileyo;
usukelwe ziingonyama.
Eyokuqala eyamdlayo ngukumkani waseAsiriya;
eyokugqibela ukugramza amathambo akhe nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli.”
18Ke ngoko uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi:
“Niyabona, ndiza kumohlwaya ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhe
njengoko ndamohlwayayo ukumkani waseAsiriya.
19Ke yena uSirayeli ndiya kumbuyisela edlelweni lakhe,
adle eKarmele naseBhashan,
ahluthe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.
20Ngaloo mihla nangelo xesha,”
lowo ngumlomo kaNdikhoyo,
“buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli,
kodwa bungabikho;
ziya kufunwa nezono zikaJuda,
kodwa zingafumaneki.
Kaloku ndiya kuwaxolela loo masalela ndiwasindisayo.
21“Lihlasele ilizwe laseMeratayim nabemi basePekode;
babulale ubatshabalalise ngokupheleleyo.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Kwenze konke endikuyalele kona.
22Isithonga semfazwe sivakala elizweni,
isandi sobhukuqo olukhulu.
23Nantso intlekekile ihamile eyayikhanda ihlabathi!
Hayi ukuba ngamanyumnyezi kweBhabheli phakathi kweentlanga!
24Ndikuthiyele, Bhabheli,
wabanjiswa ungaqondi.
Ufunyenwe, wabhajiswa,
kuba uchasene noNdikhoyo.
25UNdikhoyo ubavulile oovimba bakhe,
wazikhupha izikhali zengqumbo yakhe,
kuba iNkosi uNdikhoyo enamandla onke
inomsebenzi ezweni lamaKaledi.
26Yihlaseleni iBhabheli, nivela macala onke.
Zivuleni izisele zayo,
nizifumbe izidumbu zibe ngathi ziimfumba zombona.
Ewe, tshabalalisani ngokupheleleyo,
kungabikho masalela.
27Zigwazeni zonke iinkokheli zayo;
mazibe ngathi ziinkunzi ezixhelwayo.
Yeha ke, bona! Imini yabo ifikile;
ixesha labo lokohlwaywa ligalelekile.
28Phulaphulani!
Ababalekileyo basinda ezweni laseBhabheli bayathetha eZiyon;
babhengeza impindezelo kaNdikhoyo uThixo wethu,
nditsho ukuziphindezela kwakhe ngenxa yendlu yakhe.
29“Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli,
bona bonke abatyeda isaphetha.
Yingqingeni macala onke,
kungabikho bani uphuncukayo.
Yibuyekezeni ngokwezenzo zayo;
yenza kuyo njengoko yona yenze kwabanye.
Kaloku imdelile uNdikhoyo uYedwa kaSirayeli.
30Ke ngoko amadodana ayo aya kuwa ezitalatweni,
amajoni ayo aphele loo mini.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
31“Uyabona, ndikuchasile, ntondini izidlayo.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo iNkosi enamandla onke.
“Ifikile imini yakho;
ligalelekile ixesha lakho lokohlwaywa.
32Lo uzidlayo uza kukhubeka awe,
kungabikho bani umvusayo.
Ndiza kuphemba umlilo ezidolophini zakhe,
utshise bonke abamngqongileyo.”
33Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:
“Aphantsi kwengcinezelo amaSirayeli,
kwanamaJuda ngokunjalo.
Avalelwe ngabo bantu athinjwe ngabo;
abavumi ukuwandulula.
34Kambe uMkhululi wawo womelele;
nditsho lo ugama linguNdikhoyo onamandla onke.
Uya kuwalamlela kwabo bawachasayo,
alinike inzolo ilizwe lawo,
abagungqise abemi baseBhabheli.
35“Ikrele maliwafikele amaKaledi nabemi baseBhabheli,
bekunye neziphathamandla nezilumko zayo.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
36“Ikrele malibafikele oosiyazi bayo,
basuke babe ziziyatha.
Ikrele maliwafikele amagorha,
asuke abe ngamagwala.
37Ikrele maliwafikele amahashe neenqwelo,
kwanawo onke amajoni engqesho ayo,
asuke abe njengabafazi.
Ikrele malibufikele ubuncwane bayo,
busuke buphangwe.
38Ukubalela makuwafikele amanzi ayo,
asuke atshe.
Kuba kaloku ililizwe lemifanekiso yezithixo,
izithixo eziya kutsho zigeziswe kukothuka.
39“Ke ngoko iBhabheli iya kuba sisikhundla seengcuka noodyakalashe,
ibe yindawo ehlala iinciniba.
Ayisoze iphinde imiwe bantu,
ingahlalwa bani izizukulwana ngezizukulwana.
40Njengoko uThixo wazibhukuqayo iSodom neGomora
kwakunye needolophu ezingqongileyo,
kwangokunjalo akuyi kuhlala bani,
kungayi kuphambukela mntu khona.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
41“Niyabona, kuza abantu, bevela entla;
uhlanga olukhulu nookumkani abaninzi bayaxhokonkxwa,
bevela eziphelweni zehlabathi.
42Baxhobe izaphetha nemikhonto;
bazizikhohlakali ezingenamfesane.
Isingqi sokufika kwabo bekhwele amahashe
kunga kukugquma kolwandle.
Baxhobe baf' amacala,
khon' ukuze bahlasele wena, ntombindini Bhabheli.
43Ukumkani waseBhabheli uve iindaba ngabo,
zangenwa ngumkhinkqi iingalo,
lwangongoza uvalo oku komfazi olunywayo.
44Niyabona, njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo eJordan,
iye emadlelweni ahlala eyokozela,
kuya kuba njalo ukuyigxotha kwam ngephanyazo kwelakowayo iBhabheli.
Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku?
Kakade ngubani onjengam onokumelana nam,
ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?”
45Ke ngoko liveni icebo likaNdikhoyo alicebileyo ngeBhabheli,
izigqibo zakhe agqibe ngazo ngokubhekisele kwilizwe lamaKaledi.
Inene, namatakane aya kuqwengwa,
umhlambi uthi khumnqa ngenxa yawo.
46Ihlabathi liya kunyikima sisithonga sokuthinjwa kweBhabheli,
isikhalo sayo sivakale ezintlangeni.

Currently Selected:

UJEREMIYA 50: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy