YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 47

47
Udaba malunga neFilistiya
1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elavakala kumshumayeli uJeremiya mayela neFilistiya ngaphambi kokuba ukumkani waseJiputa ahlasele iGaza; 2lithi utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentla
atsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlaba
nako konke okukuwo,
izixeko nabemi bazo.
Abantu baya kukhala,
batsho ngesijwili bonke abemi balapha.
3Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,
nokugoqoza kweenqwelo,
nokuxokozela kwamavili,
ooyise babashiye enyanyeni abantwana,
kuba izandla zabo ziwile.
4Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,
nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.
Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiya
elisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.
5IGaza iza kucheba izile,
iAshkelon yona ikhwankqiswe.
Masalelandini asemathafeni,
koda kube nini na nizicenta nimbambazela?
6“ ‘Hayi bo, krelendini likaNdikhoyo,
wopheza nini na?
Rhoxa ubuyele esingxotyeni,
uphumle uzole.’
7Kambe ke lingathini ukuphumla
uNdikhoyo elinike umsebenzi nje eAshkelon
nakumathafa angaselwandle?
Uthe maliye kutyakatya apho.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 47: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy