YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 45

45
Ilizwi likaNdikhoyo kuBharuki
1La ngamazwi *omshumayeli uJeremiya awawabhekisa kuBharuki unyana kaNeriya ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda, xa uJeremiya wayewabizela uBharuki amazwi akhe, yena ewabhala encwadini. Athi: 2“Utsho *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokubhekisele kuwe Bharuki, ukuthi: 3Wena wakhala usithi: ‘Hayi umntu endinguye! UNdikhoyo usuke wongezelela isingqala kwintlungu yam. Ndiqobekile zizincwino; andifumani kuphumla.’
4“Utsho ke uNdikhoyo kuwe, Bharuki, ukuthi: ‘Oko ndikwakhileyo ndobuya ndikudilize, ndibuye ndikuncothule noko ndikutyalileyo. Kuya kuba njalo ke emhlabeni wonke. 5Wena uzifunela izinto ezinkulu; ziyeke, ungabi sazifuna, kuba mna ndiza kubahlisela ishwangusha bonke abantu.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo, yena othi: ‘Nokuba kwenzeka ntoni apho uya khona, akuyi kulahlekelwa bubomi bakho.’ ”

Currently Selected:

UJEREMIYA 45: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy