YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 43

43
UJeremiya usiwa eJiputa
1Akugqiba uJeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke *kaNdikhoyo uThixo wabo awamthuma wona uNdikhoyo kubo, 2uAzariya unyana kaHoshaya ekunye noYohanan kaKareya, kunye nawo onke amanye amadoda anekratshi, bathi kuJeremiya: “Uyaxoka! UNdikhoyo uThixo wethu akazange akuthume kuthi ukuba uthi: ‘Ze ningayi kuya kuhlala eJiputa.’ 3NguBharuki unyana kaNeriya lo ukuhlohle lo moya mbi, efuna ukuba sinikezelwe esandleni samaKaledi, aze asibulale, okanye asenze abathinjwa kwelaseBhabheli.”
4Ke ngoko uYohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho kunye nabantu bonke bala ukumthobela uNdikhoyo ngokuthi bahlale kwelakwaJuda. 5Suka yena uYohanan enabaphathi-mabutho waqokelela onke amasalela akwaJuda, bonke abo babebuyele kwaJuda bevela kumazwe ababethe saa kuwo, 6ingamadoda nabafazi nabantwana kwakunye neentombi zokumkani, bonke abaya bantu babeshiywe nguNebhuzaradan umphathi wabalindi bakomkhulu elugcinweni lukaGedaliya unyana ka-Ahikam umzukulwana kaShafan. Wayelapho nomshumayeli uJeremiya, ekunye noBharuki unyana kaNeriya. 7Bonke baya kuma eJiputa, besala ukumthobela uNdikhoyo, baya kutsho eTapanesi.
UJeremiya ushumayeza amasalela akwaJuda eJiputa
8Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo eseTapanesi, lisithi: 9“Thatha amatye amakhulu, uwombele, uwadibanise ngodaka emgangathweni wezitena osesangweni lakomkhulu eTapanesi. Oku kufuneka ukwenze emehlweni amaJuda. 10Uze ke uthi kuwo: ‘Utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: Ndiza kubiza isicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, aze afike asimise isihlalo sakhe phezu kwalo mgangatho wamatye uwombeleyo, awagqume ngesigqubuthelo sakhe sobukumkani. 11Uza kuyibetha iJiputa, abulale abo bamelwe kukufa, athimbe abo bafanelwe kukuthinjwa, abatyakatye ngekrele abo bamelwe kukufa ngekrele. 12Izindlu zoothixo bamaJiputa uza kuzintumeka ngomlilo, atshise izindlu zoothixo balapho, amaJiputa awase ekuthinjweni. Wowuphendla umhlaba waseJiputa, aphume apho exolile, njengomalusi ephendla iintwala engubeni yakhe. 13Uya kuzintlekeza iintsika zaseBhete-shemeshe eJiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseJiputa.’ ”

Currently Selected:

UJEREMIYA 43: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy