YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 42

42
Abantu bacela uJeremiya ukuba abathandazele
1Emva koko bonke abaphathi-mabutho kunye noYohanan unyana kaKareya bekunye noYazaniya unyana kaHoshaya nabantu bonke, abancinane nabakhulu, baya 2kumshumayeli uJeremiya, bafika bathi kuye: “Nceda usamkele isicelo sethu kuwe: Sithandazele *kuNdikhoyo uThixo wakho, ucelele onke la masalela, kuba nawe ngokwakho uyabona ukuba naxa sasibaninzi ngoku sesisele siliqaqobana. 3Mcele uNdikhoyo uThixo wakho ukuba asityhilele indlela emasihambe ngayo, nento emasiyenze.”
4Umshumayeli uJeremiya usuke wenjenje ukuthetha nabo: “Ndivile. Ndiza kunithandazela kuNdikhoyo uThixo wenu, ndaye ndiya kunazisa yonke into uNdikhoyo aniphendula ngayo; andiyi kunifihlela nto konke.”
5Bathi bona kuJeremiya: “UNdikhoyo aze abe lingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo, achasane nathi xa singayenziyo yonke into uNdikhoyo uThixo wakho akuthumayo ukuba usixelele. 6Nokuba limnandi, nokuba libi ilizwi likaNdikhoyo uThixo wethu lo sikuthuma kuye, siya kulithobela, khon' ukuze silungelwe. Ewe, inene, siya kumthobela uNdikhoyo uThixo wethu.”
7Emva kweentsuku ezilishumi lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya. 8Wabiza uYohanan unyana kaKareya kunye nabo bonke abaphathi-mabutho ababenaye, nabantu bonke, abancinci nabakhulu, 9wathi kubo: “UNdikhoyo uThixo kaSirayeli enindithume ukuze ndisigqithisele kuye isicelo senu, utsho ukuthi: 10‘Ukuba nithe nahlala kulo mhlaba, ndiya kunakha ndinganidilizi; ndonityala ndinganincothuli, kuba ndiyazisola ngeshwangusha endinihlisele lona! 11Ngoko ke musan' ukuba noloyiko ngukumkani waseBhabheli lo nimoyikayo ngoku. Musan' ukumoyika,’ lowo ngumlomo kaNdikhoyo, ‘kuba ndinani, ndiza kunihlangula, nisinde esandleni sakhe. 12Ndiza kusikwa yimfesane nini, naye ukumkani avelane nani, aniyeke nihlale kulo mhlaba wenu.’
13“Kusenokwenzeka kambe ningamthobeli uNdikhoyo uThixo wenu, nithi: ‘Asizi kuhlala apha kweli lizwe thina. 14Siza kuhamba siye kuhlala eJiputa, apho kungekho zimfazwe, kungakhali zintlaba-mkhosi, kungalanjwayo khona.’ 15Ke ngoko nali ilizwi likaNdikhoyo, nina masalela akwaJuda, utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Xa nizimisele ukuya eJiputa, nifike nime apho, 16ewe, ikrele eli niloyikayo lonifikela apho, naloo ndlala niyisabayo iya kuthana mbende kunye nani naseJiputa – niya kufela apho. 17Bonke abo bazimisele ukuya kuhlala eJiputa baya kufa ngekrele, yindlala, nangubhubhani; akuyi kusala nokuba mnye usindayo kwelo shwangusha ndonihlisela lona.’ 18Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Nanjengoko umsindo wam nengqumbo yam zathululwa phezu kwabemi baseJerusalem, yokwenjenjalo nani ukunifikela ingqumbo yam xa nixhinele ukuya eJiputa. Noba zizinto ezisisiqalekiso nezikhwankqisayo, izinto ezisisigculelo nesingcikivo. Anisobe nibuye niyibone le ndawo kwakhona.’
19“Uthi ke ngoko kuni uNdikhoyo, nina masalela akwaJuda: ‘Musani ukuya eJiputa.’ Ke ngoko yiqondeni kakuhle le ndawo; ndiyaniyala namhlanje. 20Nizikhohlisile nabubeka ubomi benu esichengeni ngokuya benisithi: ‘Sithandazele kuNdikhoyo uThixo wethu, usixelele konke athi masikwenze, kuba sokwenza.’ 21Ndinixelele konke ke namhla, kodwa nina animthobeli uNdikhoyo uThixo wenu kwizinto athe maze ndinixelele zona. 22Ngoko ke yazini ngokuphandle le nto: niza kufa ngekrele, nayindlala, nangubhubhani, kanye kuloo ndawo nizimisele ukuphambukela kuyo.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 42: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy