YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 40

40
Ukukhululwa kukaJeremiya
1Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, akuba ekhululwe nguNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu, eRama. UNebhuzaradan wafika uJeremiya ekhonkxiwe ephakathi kwabathinjwa baseJerusalem nakwaJuda, ababesisiwa ekuthinjweni eBhabheli.
2Akufika kuJeremiya umphathi-balindi wathi: “*NguNdikhoyo uThixo wenu ocwangcise le ntlekele inihleleyo kule ndawo. 3Uyenzile ke uNdikhoyo loo nto njengokuba wayetshilo. Nifikelwe yile nto ngenxa yokuba nimonile uNdikhoyo anamphulaphula. 4Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”
5Kambe ke engekahambi uJeremiya uNebhuzaradan uqokele wenjenje: “Ungabuyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan, omiselwe ukuba alawule iidolophu zakwaJuda ngukumkani waseBhabheli. Ungahlala naye phakathi kwamawenu, okanye uye naphi na apho uthanda khona.” Watsho emnika umphako loo mphathi-balindi kwakunye nesipho, wamndulula uJeremiya. 6Wesuka apho uJeremiya, waya kuGedaliya unyana ka-Ahikam owayeseMizpa, wafika wahlala naye phakathi kwabantu ababesele kwelo lizwe.
UGedaliya ulawula kwaJuda
(2 Kum 25:22-24)
7Ukumkani waseBhabheli wamisela uGedaliya unyana ka-Ahikam ukuba abe ngumphathiswa welizwe elo, abe phantsi kwakhe loo madoda nabafazi nabantwana kwabo bahlelelekileyo ababengafuduswanga basiwa eBhabheli. Ke abaphathi bamabutho ababesemaphandleni benamadoda awo, bakukuva oku, 8basuka baya eMizpa apho kuGedaliya. Babekhokelwe ngooIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan noJonatan oonyana bakaKareya, kunye noSeraya unyana kaTanumeti, bekunye noonyana bakaEfayi wakwaNetofa, kunye noYaziya umfo waseMahaka, nabalandeli babo.
9Wafunga uGedaliya, unyana ka-Ahikam, umzukulwana kaShafan, wathi kubo nabalandeli babo: “Ze ningoyiki ukuwakhonza amaKaledi. Hlalani apha kweli lizwe, nithobele ukumkani waseBhabheli. Xa nenjenjalo niya kulungelwa. 10Mna ke ndiza kuhlala eMizpa, ndibe ngummeli wenu kumaKaledi asihambelayo. Yiyani kuqokelela iwayini, neziqhamo zasehlotyeni, neoyile yeminquma, nifake koovimba, nihlale kwezo dolophu nizithathileyo.”
11Athi amaJuda awayekwaMowabhi, nawayekwa-Amon, nakwaEdom, nakuwo onke amanye amazwe, akuva ukuba ukumkani waseBhabheli washiya igcudwana kwaJuda, waza wamisa uGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan ukuba abe ngumphathiswa, 12asuka onke, abuyela kwelakwaJuda, aya kuGedaliya eMizpa. Ayesuka kumazwe ngamazwe awayethe saa kuwo. Aqokelela intaphane yewayini neziqhamo zasehlotyeni.
Ukugwintwa kukaGedaliya
(2 Kum 25:25-26)
13Kwafika uYohanan unyana kaKareya kuGedaliya eMizpa, ehamba nabanye abaphathi bamabutho awayesemaphandleni, 14bathi kuye: “Akuvanga na ukuba uBhahalisi ukumkani wama-Amon uthumele uIshmayeli unyana kaNetaniya ukuba akugwinte?” UGedaliya yena unyana ka-Ahikam akazange abakholelwe.
15Emva koko uYohanan unyana kaKareya waya kuGedaliya ngasese apho eMizpa, wathi: “Ndivumele ndiye kubulala uIshamyeli unyana kaNetaniya; akukho mntu uya kuyazi loo nto. Makangayekwa akubulale, aze la maJuda aqokeleleke apha phantsi kwakho athi saa, atshabalale amasalela akwaJuda.”
16UGedaliya waphendula uYohanan ngelithi: “Uze ungakhe uyenze into enjalo! Bubuxoki le nto wena uyithethayo ngoIshmayeli.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 40: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy