YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 36

36
UBharuki ufundela abantu incwadi kaJeremiya
1Ngonyaka wesine uJoyakim unyana kaYosiya engukumkani wakwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya 2lisithi: “Thatha incwadi esongwayo, ubhale onke amazwi endawathethayo kuwe ngokubhekiselele kuSirayeli noJuda kunye nezinye iintlanga, ukususela mhla ndaqala ukuthetha nawe kusalawula uYosiya, kude kuze kuthi gaa ngoku. 3Mhlawumbi bangaguquka kule mikhwa mibi yabo abantu bakwaJuda xa besiva ngentlekele endizimisele ukubazisela yona, nam ke ndibaxolele izikreqo nezono zabo.”
4UJeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wambizela onke amazwi kaNdikhoyo awathethe kuye, yena uBharuki wawabhala encwadini apho. 5UJeremiya waxelela uBharuki wathi: “Ndithintelwe; andinakuya endlwini kaNdikhoyo. 6Ke mayibe nguwe oyayo endlwini kaNdikhoyo ngomhla wenzila, ufike ufundele abantu amazwi kaNdikhoyo lawo uwabhale ubizelwa ndim. Fundela bonke abantu bakwaJuda abafika bevela kwiidolophu ngeedolophu. 7Mhlawumbi ukubongoza kwaba bantu kungavakala kuNdikhoyo, baguquke nakwimikhwa yabo emibi, kuba ubasongele enengqumbo nomsindo omkhulu aba bantu uNdikhoyo.”
8UBharuki unyana kaNeriya wenze njengoko wayalelwa ngumshumayeli uJeremiya, wabafundela abantu apho endlwini kaNdikhoyo loo mazwi ayebhalwe kuloo ncwadi.
9Ngenyanga yethoba, kunyaka wesihlanu uJoyakim engukumkani wakwaJuda, kwabhengezwa umhla wenzila kubo bonke abantu baseJerusalem kwanâbo babevela kwiidolophu zakwaJuda. Injongo yayiyeyokuba bazisole phambi koNdikhoyo. 10UBharuki esendlwini kaNdikhoyo, emi egumbini likaGemariya unyana kanobhala uShafan elalikwiyadi engentla kwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo, wabafundela encwadini abantu amazwi kaJeremiya.
Iziphathamandla ziyayifundelwa incwadi
11Wasuka uMikaya, ozalwa nguGemariya unyana kaShafan, akuba ewavile amazwi *kaNdikhoyo asencwadini, 12waya kwigumbi likanobhala ebhotwe apho kwakuhleli khona ezi ziphathamandla: unobhala uElishama, uDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, kunye noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nezinye iindwalutho zonke.
13Akuba uMikaya ebaxelele konke akuve kufundelwa abantu nguBharuki encwadini, 14ezo ziphathamandla zathuma uYehudi, unyana kaNetaniya ozalwa nguShelemiya unyana kaKushi, ukuba axelele uBharuki athi: “Yiza apha naloo ncwadi uyifundela abantu!” Waya kubo ke uBharuki unyana kaNeriya, eyiphethe loo ncwadi. 15Bathi kuye: “Khawuhlale phantsi usifundele.”
Wahlala phantsi ke, wabafundela. 16Akuba loo madoda ewavile onke loo mazwi, othuka, aza abhekisa kuBharuki athi: “Ngenene, la mazwi makaxelwe kukumkani.” 17Babuza ke kuBharuki bathi: “Khawutsho, uyithatha phi yonke le ntu uyibhalileyo? Ngaba uyibhale uyibizelwa nguJeremiya?”
18Wathi kubo uBharuki: “Ewe, aphuma emlonyeni kaJeremiya onke la mazwi, ndaza ke mna ndawabhala encwadini ngeinki.”
19Ezo ziphathamandla zathi kuBharuki: “Wena noJeremiya sabani niye kuzifihla, kungabikho bani waziyo apho nikhona.”
Ukumkani uyayitshisa incwadi
20Ezo ziphathamandla zayithatha loo ncwadi, zayibeka egumbini likaElishama unobhala, zaya kukumkani enkundleni, zamxelela konke. 21Wathi ukumkani uYehudi makaye kuyilanda loo ncwadi. Waya kuyilanda ke egumbini likaElishama unobhala, wafika wayifundela ukumkani kunye neziphathamandla ezo ezazimngqongile. 22Kwakusebusika ngenyanga yethoba, ukumkani esegumbini lasebusika lebhothwe, esotha imbhawula. 23Wayethi akuba efunde imihlathi emithathu okanye emine uYehudi, ayikrazule ngemela yombhali ukumkani loo mihlathi, ayiphose emlilweni. Wenza loo nto yada yaphela yonke loo ncwadi. 24Ukumkani namaphakathi akhe ababonakalisanga kothuka nakuzohlwaya bakuba bewavile la mazwi. 25Nakuba wayebongozwa ngooElinatan noDelaya noGemariya ukuba angayitshisi loo ncwadi ukumkani, akabaphulaphulanga. 26Wasuka wathi ukumkani kuJerameli unyana wakhe, noSeriya unyana ka-Azeriyeli, kunye noShelemiya unyana ka-Abhedeli, mabababambe ooJeremiya umshumayeli noBharuki unobhala wakhe. Suka yena uNdikhoyo wabafihla.
UJeremiya ubhala enye incwadi
27Akuba ukumkani eyitshisile incwadi eyabhalwa nguBharuki ebizelwa nguJeremiya, libuye lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, lisithi: 28“Thatha enye incwadi, ubhale kuyo onke loo mazwi awayekulaa ncwadi yokuqala itshiswe nguJoyakim ukumkani wakwaJuda. 29Uze uthi kuJoyakim ukumkani wakwaJuda: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Wena uyitshisile laa ncwadi, usithi: “Kutheni ukuba ubhale usithi ngenene ukumkani waseBhabheli uza kulitshabalalisa eli lizwe, atshitshise konke abantu nempahla?” 30Ke ngoko utsho uNdikhoyo malunga noJoyakim ukumkani wakwaJuda ukuthi: “Yena akayi kuba namzukulwana uya kulawula esikhundleni sikaDavide. Isidumbu sakhe siya kulahlwa, sitshe lilanga emini, silale iqabaka ebusuku. 31Ndiza kumohlwaya, yena nenzala yakhe, namaphakathi akhe, ngenxa yobugwenxa ababenzileyo. Bona kunye nabemi baseJerusalem nabakwaJuda abandiphulaphulanga; ngoko ke ndiza kubahlisela intlekele ekukade ndibasongela ngayo.” ’ ”
32Wathatha enye incwadi uJeremiya, wayinika unobhala uBharaki unyana kaNeriya. UBharuki wabhala onke loo mazwi wawabizelwa nguJeremiya ayekulaa ncwadi yatshiswa ngukumkani. Kongezwa namanye amazwi amaninzi anjengawo.

Currently Selected:

UJEREMIYA 36: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy