YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 34

34
Udaba oluya kuZedekiya
1Ngexesha ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli wayehlasela iJerusalem kunye needolophu eziyingqongileyo ngomkhosi wakhe wonke, encediswa zizikumkani zonke ezazingaphantsi kwakhe zezizwe ngezizwe awayezilawula, wafikelwa ludaba luvela *kuNdikhoyo uJeremiya. Lwafika lusithi: 2“Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, uthi kuye: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikela esandleni sokumkani waseBhabheli, yaye uza kusitshisa sibe luthuthu. 3Nawe akuyi kuphuncula: uza kubanjwa unikezelwe kuye. Uza kumbona ngamehlo ukumkani waseBhabheli, nithethe ubuso ngobuso, uhambe uye eBhabheli.’
4“Kambe ke, mhlekazi Zedekiya, kumkani wakwaJuda, live neli lizwi likaNdikhoyo. Utsho kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena Zedekiya akuyi kufa ngekrele; 5uza kufa ngoxolo. Nanjengoko abantu babesenza isiqhumiso xa babengcwaba ooyihlo, nditsho ookumkani bamandulo, ngokunjalo naxa bangcwaba wena baza kwenza isiqhumiso. Nawe baza kukuzilela, bathi: “Mawoo, nkosi!” Uthethile uNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”
6Umshumayeli uJeremiya wawathetha ke onke la mazwi kukumkani uZedekiya wakwaJuda eJerusalem, 7xa kanye umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuhlasela eso sixeko kunye nezinye iidolophu ezazisaxhathisile, iLakishe neAzeka, kuphela kwezixeko zakwaJuda ezazinqatyisiwe ezasalayo.
Ukukhohliswa kwamakhoboka
8Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo emva kokuba ukumkani uZedekiya wayenze umnqophiso nabantu baseJerusalem wokuba baza kwenza isibhengezo sokuwakhulula 9amakhoboka angamaHebhere angamadoda nabafazi, khon' ukuze kungabikho mntu ungumJuda unekhoboka lomJuda. 10Bavuma bonke abantu kunye neziphathamandla ukuwakhulula onke amakhoboka, bangabi sawakhoboza abo bantu. Bawakhulula ke, 11kodwa kamva babuye barhoxa kwizigqibo zabo, babanyanzela abo bantu ukuba babuyele kwasebukhobokeni.
12Lavakala ke kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 13“Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndênza umnqophiso kunye nookhokho benu mhla ndabakhupha eJiputa, ndabakhulula ebukhobokeni. Ndathi kubo: 14“Qho ekupheleni kweminyaka esixhenxe kufuneka nikhulule wonke umwenu ongumHebhere ozithengise kuwe ithuba leminyaka emithandathu ekusebenzela.” Kodwa ookhokho benu abazanga bayihoye nokuyihoya loo nto ndayithethayo. 15Kambe nina nizohlwayile, nandikholisa ngokuthi nonke nivume ukuwakhulula ebukhobokeni amawenu, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwa ngegama lam. 16Kodwa ngoku nibuye nasityeshela eso sigqibo, nalinyelisa igama lam ngokubuya nibanyanzele nibenze amakhoboka abantu ebenisele nabakhulula baye apho bathanda ukuya khona.’
17“Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Anindithobelanga ngokungawakhululi amawenu. Niyabona ke, ndinivakalisela isibhengezo senkululeko: inkululeko yokufa ngekrele nendlala nobhubhani. Ndiza kunenza nibe ngumbono orhwaqelisayo kuzo zonke izizwe zehlabathi. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 18Amadoda awaphuleyo umnqophiso wam, akayifezekisa imiqathango yomnqophiso awawenza phambi kwam, ndowafanisa nethole awalahlula kubini, aza acanda phakathi kwaloo macala alo. 19Iziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem kunye namaphakathi, ababingeleli kunye nabo bonke abantu beli lizwe abacande phakathi kwamacala ethole elahlulwe kubini, 20ndiza kubanikezela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, izidumbu zabo zibe kukutya kweentaka namarhamncwa.
21“ ‘Naye ukumkani uZedekiya wakwaJuda, kunye neziphathamandla zakhe, ndiza kubanikela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, nditsho umkhosi wokumkani waseBhabheli orhoxileyo ekumhlaseleni. 22Ndiza kunika umyalelo ndiwubuyisele kwesi sixeko, usihlasele, usithimbe, usitshise. Ezi dolophu zakwaJuda ndiza kuzitsho zibe yinkangala apho kungekho bani unokuhlala.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 34: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy