YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 31

31
AmaSirayeli aza kugoduka
1Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo:
“Ngelo xesha ndoba nguThixo wazo zonke izizwe zakwaSirayeli,
zona zibe ngabantu bam.”
2Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Abantu abasinde kulo ikrele ndobenzela inceba entlango,
ndiwanike ukuphumla amaSirayeli.”
3UNdikhoyo wabonakala kwamandulo, wathi:
“Sirayeli, ndikuthanda ngothando olungapheliyo;
ndahlala ndikwenzela izibele.
4Ndiza kubuya ndikuvuse, utsho wakheke, ntombindini Sirayeli!
Uza kubuya ugaxele amagubu,
ungenelele kumxhentso wabavuyayo.
5Wobuya ulime iidiliya kweziya ntili zaseSamariya,
olimayo axhamle iziqhamo zazo.
6Kuza imini abaya kuthi abalindi bamemeze
bekwiinduli zakwaEfrayim,
bathi: ‘Yizani sinyukele kwintaba iZiyon,
siye kuNdikhoyo uThixo wethu.’ ”
7Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Dandulukani nivuye ngenxa kaYakobi;
memelelani ngenxa yenjinga yezizwe,
nitsholoze nithi:
‘Basindise abantu bakho, Ndikhoyo,
nditsho amasalela akwaSirayeli.’
8Nâbo ndibakhupha emantla,
ndibaqokelela eziphelweni zehlabathi!
Zilapho iimfama neziqhwala,
abakhulelweyo nasebesindeka.
Yoba nguMbo nomXesibe ukujong' ekhaya.
9Bobuya belila begixa,
ndibakhokele betarhuzisa,
bahambe ngakwimilambo empompozayo,
kwiindlela ezithe tye,
bangabi sakhubeka.
Suka ndanguyise kuSirayeli;
uEfrayim wayinkulu yam!
10“Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina zintlanga;
libhengezeni nakwiziqithi ezikude, nithi:
‘Lowo wawachitha-chithayo amaSirayeli wobuya awaqokelele,
awaluse oku komalusi elind' umhlambi.’
11Kaloku uNdikhoyo womkhulula uYakobi;
amhlangule kwiintlanga ezinamandla kunaye.
12Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon,
bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo;
ewe, nditsho ingqolowa,
newayini entsha,
namafutha omnquma,
neenkomo neegusha abaphe zona.
Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo,
bangabi saphinda baxhwaleke.
13Iintombi zongqungqa, zigcobe,
benjenjalo abafana kwanamadoda.
Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo;
ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.
14Ababingeleli bodikwa sisabelo sabo,
abantu bam bahluthe yindyebo yezinto zam.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Ukungathuthuzeleki kukaRakeli
15Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Kuvakala isikhalo esikrakra eRama.
URakeli ulilela abantwana bakhe,
engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”
16Utsho ke uNdikhoyo ukuthi:
“Ngxe, yeka ukulila!
Musa ukuba nyembezana.
Inkxamleko yakho iza kuvuzwa.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Abantwana bakho bobuya kwilizwe lotshaba.
17Likho ithemba ngekamva lakho,”
lowo ngumlomo kaNdikhoyo,
“kuba abantwana bakho baza kubuyela kwelokuzalwa.
18Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi:
‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo.
Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe,
kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.
19Ndakuba ndikreqile, ndibuye ndazohlwaya;
ndakuba ndiziqondile, ndizive ndidanile.
Ndineentloni, ndihlazekile
ngenxa yokusindwa ngamahlazo obutsha bam.’
20Ngaba uEfrayim asingonyana wam oyintandane,
umntwana endinebhongo ngaye?
Okukhona ndimkhalimelayo kokukhona ndimkhumbulelayo.
Ndisikwa yimfesane ngenxa yakhe;
inene, ndomthi jize ngenceba.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
21“Misa izalatha-ndlela, ugxumeke izalathiso.
Qwalasela indlela owohamba ngayo.
Goduka, ntombindini Sirayeli;
buyela kwiidolophu zakowenu.
22Koda kube nini uthingaza, ntombindini ingathembekanga?
UNdikhoyo udale into entsha emhlabeni:
umfazi ekhusela indoda.”
Ukuvuselelwa kukaJuda
23Utsho uSomandla-onke, *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Xa sele ndibahlangule ekuthinjweni, ndababuyisela kundalashe, baya kubuya bathethe la mazwi emhlabeni wakwaJuda nakwiidolophu zawo, bathi: ‘Mzindini wobulungisa, ntabandini engcwele, uNdikhoyo makakusikelele.’ 24Baya kuma ndawonye abantu bakwaJuda needolophu zakhona, belapho abalimi nabafuyi ababesoloko bejikeleza nempahla. 25Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala, 26batsho bathi: ‘Khangela, besilele, savuka sihlaziyekile.’ ”
27UNdikhoyo uthi: “Iyeza imihla yokuba isizwe sikaSirayeli nesikaJuda ndisitsho sinyakazele yinzala yabantu neyemfuyo. 28Kanye njengoko ndingaphazamanga ukubancothula nokubadiliza nokubabhuqa nokubatshabalalisa nokubahlisela ishwangusha, ewe, ndiya kwenjenjalo ukwakha nokutyala.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 29“Ngaloo mihla abakubuya bathi abantu: ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada, suka kwabuthelezi amazinyo abantwana.’ 30Umntu ngamnye uya kufa ngenxa yobugwenxa bakhe. Kuya kuthi lowo utya iidiliya ezimuncu, kube buthelezi awakhe amazinyo.”
31Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda. 32Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo. ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
33“Nguwo lo umnqophiso endiza kuwenza nesizwe sikaSirayeli kwimihla ezayo,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “Imiyalelo yam ndiya kuyimilisela ngaphakathi kwabo, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, mna ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. 34Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
35NguNdikhoyo omisele ilanga ukuba likhanyise emini,
ngokunjalo inyanga neenkwenkwezi ukuba zikhanyise ebusuku;
ulozamazamisa ulwandle, agqume amaza;
kuthiwa nguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.
36Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:
“Xa ingatshitshayo le mimiselo ndingabi sayibona,
nesizukulwana sikaSirayeli singanqamka singabi saba ngabantu bam.”
37Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Mhla isibhakabhaka phezulu saba nokulinyaziswa,
neziseko zomhlaba ngaphantsi zaba nokugocagocwa,
kungelo thuba kuphela endingathi ndisibukule isizukulwana sikaSirayeli xa sisonke.”
38Lo ngumlomo kaNdikhoyo: “Iyeza imihla yokuba esi sixeko sakhelwe uNdikhoyo ukusuka kwinqaba kaHananeli kuse kwiSango leKona. 39Umda waso uya kusuka apho uye kuthi ga ngenduli iGarebhe, ujikele wenjenjeya ukuya eGowa. 40Yonke loo ntili kulahlwa kuyo izinto ezifileyo namabibi, nawo onke amasimi angasentla kwentlambo iKedron, kuye kutsho kwikona yeSango lamaHashe ngasempuma, iya kuba yekhethelwe uNdikhoyo. Esi sixeko asiyi kubuye sidilizwe, sibhukuqwe.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 31: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy