YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 30

30
Ukubuyiswa kwamaSirayeli
1Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi: 2“Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe. 3Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”
4Wenjenje ukuthetha uNdikhoyo, ebhekisa kumaSirayeli nakumaJuda:
5“Utshilo uNdikhoyo ukuthi:
‘Kuvakala isikhalo esibangwa lixhala.
6Khawuthi xha, ukhe ucinge:
yakha yazala kanene indoda?
Kutheni ke le nto ndibona amadoda ebambe izinqe ngathi ngumfazi osikwa yinimba?
Kutheni ematshekile nje?
7Mawoo! Hayi ukuba nkulu kwaloo mini!
Ayikho eyakha yafana nayo.
Lixesha lembandezelo kwindlu kaYakobi,
kodwa noko yosinda kuyo.’
8“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke:
‘Ngaloo mini ndoyaphula idyokhwe abaphantsi kwayo,
ndiziqhawule izitrophu ababotshwe ngazo,
bangabi saba ngamakhoboka abantu basemzini.
9Ndaweni yaloo nto baza kuba zizicaka zikaNdikhoyo uThixo wabo,
nezicaka zokumkani wabo uDavide endiya kubavelisela yena.’
10“ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi;
nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude,
ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo.
Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo,
kungabe kubekho bani umothusayo.
11Ndinawe ukuze ndikusindise.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
‘Zona iintlanga endikuchitha-chithe phakathi kwazo
ndozitshabalalisa mpela,
kodwa wena andiyi kukucima tu igama.
Nawe phofu uza kohlwaywa;
ndiza kukuqeqesha,
phofu ndingabi ngqongqo kuwe.’
12“Utsho uNdikhoyo ukuthi:
‘Inxeba lakho alinako nokubotshwa oku;
wenzakele kangangokuba ungabi nakunyangwa.
13Awunamthetheleli;
awunayeza lokuzinyanga izilonda,
ungenalo nethemba lokuphiliswa.
14Izithandwa zakho zikulibele zonke;
azisacingi nokucinga oku ngawe.
Ndikubethe oku kotshaba,
ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu,
nezono zakho ezininzi.
15Yini ukuba ukhale ngenxa yenxeba lakho,
nangenxa yeentlungu zakho ezingenakunyangeka?
Ndikwenzele konke oku ngenxa yobukhulu bezikreqo zakho
nobuninzi bezono zakho.
16“ ‘Kodwa ke bonke abaqwenga wena boqwengwa nabo;
bonke abakuchasayo baya kusiwa ekuthinjweni.
Bonke abakuphangayo nabo bophangwa;
nabo bakwenza amaxhoba bokwenziwa amaxhoba nabo.
17Ke wena ndiza kukubuyisela empilweni,
ndikupholise amanxeba,
nakuba kusithiwa ungumlahlwa, iZiyon engafunwa bani.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
18“Utsho uNdikhoyo ukuthi:
‘Izindlu zakwaYakobi ndiza kuzibuyisela kundalashe,
zidle ngendebe endala,
ndibe nemfesane kumzi ngamnye.
Amanxuwa aseJerusalem aza kuvuswa,
nebhotwe lime kwasendaweni yalo.
19Kovakala intsholo yemibongo apho,
nentswahla yemigcobo.
Ndobatsho bande, banganciphi;
babaluleke, bangadeleki.
20Inzala yabo yoba njengeyamandulo,
ibandla labo ndilizinzise,
ndibohlwaye bonke ababacinezelayo.
21Inkokheli yabo yovela kwakubo,
umlawuli aphume phakathi kwabo.
Uya kuvela ngokubizwa ndim,
asondele kufuphi nam,
kungekho bani nje ungade asondele kum ndingambizanga.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
22‘Ewe, niya kuba ngabantu bam,
mna ndibe nguThixo
wenu.’ ”
23Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,
nditsho isaqhwithi esoyikekayo
esivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.
24Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.
Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.

Currently Selected:

UJEREMIYA 30: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy