YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 21

21
UThixo ukhaba isicelo sikaZedekiya
1Ilizwi *likaNdikhoyo lavakala kuJeremiya mhla uPashure unyana kaMalkiya, kunye nombingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, bathunywayo kuye ngukumkani uZedekiya, besithi: 2“Khawusibuzele kuNdikhoyo. Kaloku ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli uze kulwa nathi. Mhlawumbi angabuya enze imimangaliso uNdikhoyo njengangaphambili, simbone selegoduka nomkhosi wakhe uNebhukadenezare.”
3Uthe ukuphendula yena uJeremiya: “Yithini kuZedekiya: 4UNdikhoyo uThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Niyabona, ndozenza izikrweqe zenu ezisezandleni zenu zibe lilize, nditsho ezi nilwa ngazo ukumkani waseBhabheli namaKaledi aningqingayo. Ewe, wona asengaphandle kweendonga ngoku, kodwa ndiza kuwahlanganisela esazulwini sesi sixeko. 5Ndim oza kunihlasela ngesandla sam esinamandla nengalo yam eyomeleleyo ndiqhutywa ngumsindo nengqumbo noburhalarhume obukhulu. 6Bonke abemi besi sixeko ndiza kubahlisela isibetho sesifo esibulalayo – nditsho abantu kunye nemfuyo yabo.’
7“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Emva koko amasalela asindileyo kubhubhani, nekrele, nendlala, ukumkani uZedekiya namaphakathi akhe kunye nabantu besi sixeko, ndiza kubanikela esandleni sokumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nakwiintshaba ezifuna ukubabulala. Yena uza kubangena ngekrele, engenalusizi nanceba naluvelwano.’
8“Ngaphezu koko baxelele aba bantu uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Khethani phakathi kokufa nokuphila. 9Lowo uhlala kwesi sixeko uya kufa likrele nayindlala nangubhubhani. Kodwa lowo uphumela ngaphandle azilahlele kumaKaledi aningqingileyo, uya kusinda ekufeni. 10Esi sixeko ndizimisele ukusizisela ububi, hayi ubuhle.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndosinikela esandleni sokumkani waseBhabheli, aze yena asitshabalalise ngomlilo.’
11“Yithi kwindlu yokumkani wakwaJuda: ‘Nali ilizwi likaNdikhoyo 12kuni, nina bendlu kaDavide. Mbekeleni iindlebe uNdikhoyo, uthi:
“ ‘Mihla le gwebani ngobulungisa,
okhuthuzwayo nimsindise kubabandezeli,
hleze ugqabhuke umsindo wam,
uvuthe okomlilo,
ndibe lugcwabevu, ndinganqandeki,
ngenxa yenkohlakalo eniyenzileyo.
13“ ‘Ndichasene nawe, Jerusalem,
wena othe gcobho kule ntili,
wena liwa leli thafa.
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Kaloku uthi: “Ngubani onokusitshabalalisa?
Ingubani ongagqobhozayo kwiinqaba zethu?”
14“ ‘Ndiza kunibuyekeza ngokwezenzo zenu.
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Uthi: “Ndiza kuphemba umlilo
untumekeke kuloo mahlathi anirhawuleyo,
kutshe yonke into kuthi bhuqe.” ’ ”

Currently Selected:

UJEREMIYA 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy