YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 20

20
UJeremiya noPashure umbingeleli
1Umbingeleli uPashure unyana kaImeri, owayengusomaqhuzu endlwini *kaNdikhoyo, uthe akuweva la mazwi, 2wathi umshumayeli uJeremiya makakatswe, akhonkxwe iinyawo ngezikhuni ngakwisango elingasentla lendlu kaNdikhoyo ekuthiwa lelikaBhenjamin. 3Ngengomso uthe uJeremiya akukhululwa nguPashure ekukhonkxweni, wabhekisa kumbingeleli lowo wathi: “Igama akunike lona wena uNdikhoyo asinguye uPashure, nguNxunguphele-jikelele. 4Kaloku utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kukwenza unxunguphale wena siqu, unxunguphalise nabahlobo bakho. Uza kubabona ngala wakho amehlo besiwa likrele leentshaba. UJuda ephela ndiza kumnikela esandleni sokumkani waseBhabheli. Abanye yena uza kubasa eBhabheli, abanye ababulale ngekrele. 5Ubutyebi besi sixeko ndiza kubunika iintshaba zabo – nditsho nkqu nemveliso yabo, nezinto ezixabisekileyo zabo, nendyebo yookumkani bakwaJuda iphela. Ewe, konke oku ndokunikela ezandleni zeentshaba zabo, zikuthimbe, ziye nako eBhabheli. 6Wena ke, Pashure, kunye nentsapho yakho, uza kuba ngumthinjwa kwelaseBhabheli. Wena kunye nâbo bahlobo bakho ubukade ubashumayeza ubuxoki, niza kufela apho, ningcwatyelwe kwalapho.’ ”
Isikhalazo sikaJeremiya
7*Ndikhoyo, undicengile ndacengeka;
ewe, undongamele, ndaza ndoyisakala.
Ndiyintlekisa mihla le;
ndisisigculelo sikawonke-wonke.
8Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!”
Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.
9Ndiba ngathi: “Andiyi kubuya ndilikhankanye, okanye ndithethe ngegama lakhe,”
lisuka libe ngumlilo otshisayo,
umlilo ovalelwe emathanjeni am.
Ndoyisakele kukuwunqanda;
ewe, ndiyanikezela.
10Ndive abaninzi besebeza besithi:
“Lunxunguphalo jikelele!
Makamangalelwe, simse ngaphambili!”
Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam,
zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka,
size simfumane, siziphindezele kuye.”
11Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;
ligorha elomeleleyo.
Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.
Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.
12Ndikhoyo Somandla-onke,
wena uwavavanyayo amalungisa,
uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,
mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,
kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.
13Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,
kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyo
kwigunya labantw' abagwenxa.
14Unelishwa umhla endazalwa ngawo;
mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.
15Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,
esithi: “Uzel' inkwenkwe!”
16Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.
Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,
kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.
17Kaloku yena akazange andibulale ndisesesizalweni,
khon' ukuze uma abe lingcwaba lam,
sihlale isizalo sakhe sindimithi ngonaphakade.
18Ngani ukuba ndizalwe kakade
ukuze ndibone iinkxwaleko neentsizi,
ndide ndiye kufa ndisehlazweni?

Currently Selected:

UJEREMIYA 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy