YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 13

13
Ibhanti yelinen
1Watsho kum *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya kuthenga ibhanti eyenziwe ngelinen, uyibhinqe esinqeni, kodwa ingaze idibane namanzi.” 2Ndaya kuyithenga ke loo bhanti, njengokutsho kukaNdikhoyo, ndayibhinqa.
3Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo, lisithi: 4“Thatha le bhanti uyibhinqileyo, uye emlanjeni iEfrati, ufike uyifihle emfanteni kwiliwa elilapho.” 5Ndahamba ke ndafika ndayifihla ngase-Efrati njengokutsho kukaNdikhoyo.
6Emva kwexesha elide wabuya wathi kum uNdikhoyo: “Yiya e-Efrati, ufike uthathe laa bhanti ndandithe yifihle khona.” 7Ndaya ke, ndafika ndayivumbulula apho ndandiyifake khona. Ndafika sele yonakele, kungasenakwenziwa nto ngayo.
8Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 9“Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kwenjenjalo ke ukonakalisa ikratshi lakwaJuda, ikratshi elikhulu laseJerusalem. 10Aba bantu bakhohlakeleyo, bangandivayo, balawulwa kukuqaqadeka kweentliziyo zabo, bathe phithi kukunqula nokukhonza oothixo basemzini, baza kuba njengale bhanti yelinen kungenakwenziwa nto konke ngayo. 11Kanye njengokuba ibhanti ithiwa ntshi esinqeni somntu, umzi kaSirayeli uphela kwakunye nokaJuda ndawubophelela kum,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “khon' ukuze babe ngabantu bam, ndizenzele igama ngabo, nodumo neqhayiya, kodwa bona abevanga.”
Umphanda wewayini
12Wathi kum *uNdikhoyo: “Yithi kwaba bantu: ‘Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Wonke umphanda wozaliswa ngewayini.’ Bona ke baya kuthi: ‘Uba asiyazi kakade into yokuba wonke umphanda wozaliswa ngewayini?’ 13Uya kuthi ke wena: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Bonke abemi beli lizwe ndiza kubenza banxile, nditsho iikumkani zabo, ezo zisezihlangwini zikaDavide, ababingeleli, abashumayeli, nabo bonke abantu baseJerusalem. 14Ndiza kubakhandanisa omnye nomnye, ooyise noonyana, utsho uNdikhoyo. Usizi nenceba nemfesane ndiza kuziphosa ngasemva zingandinqandi ekubatshabalaliseni.’ ”
UJeremiya ulumkisa amawabo
15MaSirayeli, *uNdikhoyo uthethile;
bekani iindlebe nive,
niyeke ukuziphakamisa.
16Mzukiseni uNdikhoyo uThixo wenu
engekaniziseli ubumnyama
nikhubeke ezindulini ezinamathunzi;
hleze ukukhanya enikulindeleyo kujike
kube sisithokothoko
sobumnyama.
17Ukuba aniva, ndiya kukhala ngasese, ndilile ngenxa yekratshi eninalo.
Ndiya kutsho ezimathontsi ngenxa yomhlambi kaNdikhoyo othinjiweyo.
18Mxeleleni ukumkani kunye nonina ukumkanikazi,
nithi: “Zithobeni; hlalani phantsi;
kuba izithsaba zokuhlonipheka kwenu zithulwe ezintlokweni zenu.”
19Izixeko zelisezantsi zingqingiwe,
akukho bani unako ukungena.
Abantu bakwaJuda bathinjiwe,
bafudusiwe xa bebonke.
20Vula amehlo ukhangele, Jerusalem,
ubabone abavela ngasentla.
Uphi umhlambi owawuwunikiwe?
Iphi impahla emfutshane obukade uqhayisa ngayo?
21Uya kuthini xa abo ububafundisa bengabahlobo, sele benikwe amagunya phezu kwakho?
Akuyi kufikelwa yintlungu na okomfazi osikwa yinimba?
22Wakuzibuza usithi: “Zindihlela ngani ezi zinto?”
uzuqonde ukuba kungenxa yobugwenxa bakho
sele umbhinqo wakho udlakaziwe,
waza nawe wagonyamelwa.
23Angalijika na ibala lolusu lwakhe umKushe?
Yona ingwe ingawajika amabala ayo?
Nani eniqhele imikhwa emibi aninakujika nenze okulungileyo.
24“Ndiza kunichitha-chitha nixele umququ uphetshethwa ngumoya wasentlango.
25Yinxaxheba yakho leyo,
kwakunye nesabelo osahlulelwe ndim.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Kaloku wandilibala wathembela kwizinto zobuxoki.
26Ndiza kukuhluba izambatho zakho,
ndikubhence, libonwe ihlazo lobuze bakho,
27nditsho ukukrexeza kwakho,
nokuthabatheka kwakho yinkanuko,
ukukhanuka kwakho ezindle,
namanyala okuhenyuza kwakho.
Ndiwabonile amanyundululu akho ezindulini endle.
Mawoo, Jerusalem!
Hayi ukungcola kwakho!
Kuya kude kube nini na unje!”

Currently Selected:

UJEREMIYA 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy