YouVersion Logo
Search Icon

IINKOKHELI 5

5
Ingoma kaDibhora noBharaki
1Ngaloo mini ke uDibhora noBharaki unyana ka-Abhinowam bahlabela le ngoma:
2AmaSirayeli atyeda ngokuzimisela;
abantu basukela phezulu ngokuzinikela!
Dumisani *uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
3Inzwi kuni, nina bokumkani!
Khanithi cwaka ke nani, matshawe,
khe ndidanduluke ngengoma nombongo,
khe ndimemelele nditsho ngoncuthu,
ndidumis' uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
4Wena Ndikhoyo, wathi wakuphuma kwaSeyire,
mhla wandolos' ushiy' iEdom,
suk' umhlaba wanyikima,
az' amazulu anyembezana,
ke won' amaf' achaphaz' amanzi.
5Ewe, iintaba zasuka zaqhaqhazela
phay' eSinayi phambi koNdikhoyo;
nditsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli!
6Ngemihla kaShamgare unyana ka-Anati,
nditsho ngezo mini zikaJayeli,
abahambi banqaba bada banqamka,
abantu sebegwegweleza ngezaa ndlela.
7Emaphandleni kwakukhal' ibhungane,
iilali zakwaSirayeli zazingamaphanga,
de kwavela mna Dibhora njengesikhukukazi.
8Suka bathatha thixo bambi,
yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli.
Kweso sine samawak' amaSirayeli,
ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.
9Kuthi mandityibele ndityondyothele kwezo ngqwayi-ngqwayi zikaSirayeli,
ndibong' amatsha-ntliziyo ngokuzilahlela ngokuzinikela.
Dumisani uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
10Nina bakhwel' iidonki ezimhlophe;
nina bahlala kwezingayiway' iisali,
ngokunjalo nani bahamba ngeenyawo,
zinyamekeleni ezi zinto, nicamngce ngazo.
11Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni!
Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo:
uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli.
Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha,
benjenjeya ukuya emasangweni.
12Vuka! Khawuvuke, Dibhora!
Vuka uhlabele ingoma!
Phakathi, Bharaki nyana ka-Abhinowam!
Uz' ubuy' urhuq' abathinjwa!
13Yaza ke yavel' imingqandand' emva kweengqwayi-ngqwayi,
abakaNdikhoyo beza kum kunye namagorha.
14Baphuma kwaEfrayim baya kutsho entilini,
ezinyaweni zabo inguBhenjamin namawabo;
iingqwayi-ngqwayi zeza ziphuma kwaMakire,
zona izithwala-ndwe zivela kwaZebhulon.
15Amatshawe akwaIsakare eza noDibhora;
ewe, uIsakare wema noBharaki,
bamlandela baya kutsho entilini.
Kambe ke amaRubhen esuka athandabuza;
ewe, wona esuka amathidala.
16Ngani ukuba nisale ezigusheni?
Ukuze niv' abelusi bentyontyel' imihlambi?
Ewe, amaRubhen asuka athandabuza,
ke wona asuka aba mathidala.
17AmaGiliyadi asala phesheya kweJordan.
Ngani na ukuba uDan ashiyeke ezinqanaweni?
Yena uAshere wasal' elunxwemeni lolwandle;
ewe, walibala ngaselunxwemeni.
18AmaZebhulon abeke ubomi babo esichengeni;
ngokunjalo namaNafetali adela ukufa emaphandleni.
19ETanaki ngakwintlambo yeMegido,
ookumkani bahlangana khona bangquzulana;
ewe, izikumkani zamaKanana zalwa,
kodwa akukho ntimbo yasiliva zayifumanayo.
20Iinkwenkwezi esibhakabhakeni, zona zihamba ngendlela yazo,
nazo zahlasela, zisilwa noSisera.
21Ke zona iimpuphuma zeKishon zabakhukulisa;
ewe, iKishon umlambo wakudala.
Phambili, yomelela, mphefumlo wam!
22Iinkabi zamahashe zeza ziqakatha zigqabadula,
zingqisha zigqekreza ngezo mpuphu!
23Isithunywa sikaNdikhoyo sithi:
“Mayibe lishwangusha kwaMerozi!
Mabambathwe lilishwa abemi bayo!
Kaloku bazibandezile abamsiza uNdikhoyo;
abancedisanga bawadudule amagorha.”
24Uthamsanqelekile ke yena uJayeli, umfazi kaHebhere umKeni.
Yena yimaz' ehlal' ezintenteni.
Hay' ithamsanqa lakho, mfazindini!
25Wath' uSiser' efun' amanzi wamfak' amasi,
wamnik' ingqaka ngengayiway' indebe!
26Wathath' isikhonkwane ngesandla,
wee hlas' isando ngesinye;
hlifi-i-i wamntlekez' uSisera,
wasihloma saphumela kolo khakhayi!
27Ewe, wambetha wafinyela wafohleka;
wamtsho wanaba tswii ezinyaweni zakhe,
wawa waqotha-qotheka ezinyaweni zakhe,
suka watoshalaza, yaphel' intw' ibithethwa!
28Unina wankolo-nkoloz' ejong' enkalweni;
unakaSisera wanyondl' ezifestileni:
“Iinqwelo zakhe zilibele phi, bethu?
Ngan' ukuba acothe kangak' amahashe?”
29Intokaz' eyingqondi yamthomalalisa,
watsho naye waziv' ethuthuzelekile:
30“Hayi, mhlawumbi baxakeke kukwab' amaxhoba:
Imbelukazi, hayi, zimbini kwijoni ngalinye;
kuSisera lilaph' elitofo-tofo elimabala-bala,
elenkosazana liqhwaqhwalal' eliqhoqhonyiweyo.”
31Ewe, siyavuma, Ndikhoyo, makube njal' ukufa kweentshaba zakho!
Ke bona abakuthandayo mabaqaqambe njengelanga xa liphumayo!
Emva koko ke kwalandela amashumi amane eminyaka yenzolo.

Currently Selected:

IINKOKHELI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy