YouVersion Logo
Search Icon

IINKOKHELI 3

3
Izizwe eziseleyo
1*UNdikhoyo washiya izizwe ezithile ukuze zibe luvavanyo kumaSirayeli awayengekangeni ezimfazweni kwelaseKanana. 2Le nto ke wayenza kuba efuna ukuzifundisa ngemfazwe zonke izizukulwana zamaSirayeli ezivelayo, ngakumbi ke ezo zazingazange zibe semadabini ngaphambili. 3Iintlanga ezasala kwelo lizwe ke yaba ngamaFilistiya neenkosi zawo ezintlanu, namaKanana ephela, namaSidon, namaHivi awayehlala kwiintaba zeLebhanon ukusuka kwintaba iBhali-hermon ukuya kuthi xhaxhe ngenkalo yeHamati. 4Zashiyelwa ukuba kuvavanywe amaSirayeli, khon' ukuze acace ukuba azimisele na ukuyithobela imimiselo eyanikezelwa nguNdikhoyo kookhokho bawo ngoMosis. 5Ngoko ke amaSirayeli ema phakathi kwamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 6AmaSirayeli endiselana nazo ezi ntlanga, anqula *nezithixo zazo.
UOteniyeli
7AmaSirayeli amlibala *uNdikhoyo uThixo wawo, akreqa kuye, anqula ooBhali nooAshera. 8Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, waza wawayekela ngokumkani uKushan-rishatayim waseAram-naharayim, wawoyisa, aba phantsi kwakhe iminyaka esibhozo.
9Ke kaloku amaSirayeli adanduluka akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi. Lowo ke yayinguOteniyeli unyana kaKenazi umninawe omncinci kaKalebhi. 10Ke kaloku uOteniyeli wonganyelwa nguMoya kaNdikhoyo, waza waba yinkokheli yamaSirayeli. UOteniyeli waya emfazweni, wathiwa jize ngoloyiso nguNdikhoyo, wamoyisa ukumkani uKushan-rishatayim waseAram. 11Kwalandela amashumi amane eminyaka yoxolo ke apho, wada wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
UEhudi
12Aphinda amaSirayeli akreqa *kuNdikhoyo. Ngenxa yeso sizathu ke uNdikhoyo womeleza uEglon ukumkani wamaMowabhi, waqina kunawo. 13UEglon ke wadibana nama-Amon nama-Amaleki, baza bawahlasela amaSirayeli, basithatha isiXeko samaSundu. 14AmaSirayeli ke aba phantsi koEglon ukumkani wamaMowabhi iminyaka elishumi elinesibhozo.
15Aphinda amaSirayeli akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi uEhudi, inxele, unyana kaGera wendlu kaBhenjamin. AmaSirayeli athumela uEhudi kukumkani uEglon waseMowabhi, emphathele umrhumo.
16Ke uEhudi wazenzela isabile ebazwe macala, ingamashumi amahlanu eesentimitha ubude. Wayibophelela kwithangá lakhe lasekunene phantsi kwempahla. 17Wawuthatha ke umrhumo lowo, waya nawo kuEglon, umfo owayemkhulu ngesiqu, etyebile. 18Wathi ke, akuba ewunikezele umrhumo lowo, uEhudi wawandulula loo madoda ayemphathisile, agoduka. 19Kambe ke yena wajika ngakwimifanekiso yezithixo ekufuphi neGiligali, wabuya waya kuEglon, wafika wathi kuye: “Mhlekazi, ndicela khe sihlinz' impuku.”
Ngoko ke ukumkani wathi: “Shenxani!” Zaphuma ke izicaka zakhe.
20Wathi ke esahleli apho kwelo gumbi lakhe lokuphola, likumgangatho ophezulu, suka uEhudi wonda ngaye, wathi: “Ndinomyalezo wakho ovela kuThixo.” Ke yena ukumkani wema ngenyawo. 21Ngesandla sasekhohlo uEhudi warhola isabile yakhe apho wayeyifihle khona ethangéni lakhe lokunene, wayimilisela kweso sisu sikakumkani. 22Yatshona yonke nywam nesiphatho sayo, yawagramza ayifihla loo mateketeke amanqatha. UEhudi wayiyeka apho, waza ke yena waya kuphuma ngasemva, 23waluvala ucango, watshixa, 24wemka. Izicaka ke zeza, zaza zakusondela zabona tyhini iingcango zitshixiwe, zacinga ukuba fana ukumkani ulapho ngaphakathi, ese. 25Zakha zalinda umzuzu omde ucango lungavulwa. Zada zancama, zathatha izitshixo, zavula. Tyhini! Nanko umhlekazi ethe gangalala apho phantsi, itshoba lilel' umbethe.
26Zathi zisathingaza izicaka zikakumkani, wesuka wemka yena uEhudi, waya kugqitha kuloo mifanekiso yezithixo, waya kutsho eSeyira. 27Wathi akufika kweleentaba lakwaEfrayim wavuthela isigodlo, ahlangana amaSirayeli, wawakhokela wehla nawo kwezo nduli. 28Wathi kuwo: “Yizani! UNdikhoyo uzinikele ezandleni zenu iintshaba zenu amaMowabhi.” Ngoko ke amaSirayeli ehla, ekhokelwa nguEhudi, aza awalalela amaMowabhi emazibukweni ayeza kuyiwela ngawo iJordan; avala ke apho, akwawela nendoda enye le. 29Ngaloo mihla ke abulala kwisithuba seshumi lamawaka awona majoni omeleleyo anobukroti omkhosi wamaMowabhi; zange kusinde nelinye. 30Ewe, ngaloo mihla amaSirayeli awoyisa amaMowabhi, kwaza ke kwalandela iminyaka yenzolo engamashumi asibhozo.
UShamgare
31UEhudi walandelwa nguShamgare unyana ka-Anati. Naye ke wawakhulula amaSirayeli. Wabulala amaFilistiya angamakhulu amathandathu ngesixhobo sokuqhuba iinkomo esifana nomkhonto.

Currently Selected:

IINKOKHELI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy