YouVersion Logo
Search Icon

IINKOKHELI 17

17
UMika nomLevi
1Kwakukho ndoda ithile igama linguMika. Yayimi kweleentaba kwaEfrayim. 2Yathetha nonina, yathi: “Ngokuya wawubelwe ishumi elinanye leesiliva ndakuva ushwabula. Kambe ke ikum loo mali; yathathwa ndim.”
Unina wamsikelela, wathi: “*UNdikhoyo makakuthamsanqele, nyana wam.”
3Waza ke unyana lowo wayibuyisela kunina loo mali. Ke yena unina wathi: “Le mali ngoku yekaNdikhoyo; ndiyinikezela kuye ukuze unyana wam aqingqe umfanekiso, utyatyekwe ngesiliva, kwanomfanekiso otyhidiweyo. Ngoko ke le siliva ndiyibuyisela kwakuwe.”
4Imali leyo wayibuyisela kunina ke, yena wathatha amakhulu amabini kuloo siliva, wawanika ingcibi, eyakrola umfanekiso otyatyekwe ngesiliva, yenza nomnye otyhidiweyo. Wabekwa endlwini kaMika.
5Lo mfo unguMika ke wayenesibingelelo sakhe. Wenza imifanekiso eqingqiweyo ndawonye *nesidanga, waza wamisela omnye koonyana bakhe wangumbingeleli. 6Ke kaloku ngelo thuba kwakungekho kumkani kwaSirayeli; umntu ngamnye wayesenza unothanda.
7Kwangelo thuba kwakukho umfana womLevi owayehlala eBhetelehem engumngeneleli kwelakwaJuda. 8Waphuma ke eBhetelehem, efuna indawo anokuxhwarha kuyo. Esabhadula njalo waya kugaleleka kwaMika kweleentaba lakwaEfrayim. 9UMika wambuza wathi: “Uvela phi?”
Ke yena waphendula wathi: “NdingumLevi waseBhetelehem kwelakwaJuda. Ndifuna indawo endingaxhwarha kuyo.”
10UMika wathetha naye ke, wathi: “Sowuhlala apha kum, ube ngumfundisi nombingeleli wam; ndiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva ngonyaka, ndawonye nempahla yokunxiba nokutya.” 11UmLevi lowo ke wavumelana noMika, waza wahlala naye, waba njengonyana wakhe. 12UMika wammisela waba ngumbingeleli wakhe, wahlala apho kwakhe. 13UMika wathi: “Njengokuba umbingeleli wam engumLevi nje, ndiyazi ukuba uNdikhoyo uya kundithi jize ngenkqubela.”

Currently Selected:

IINKOKHELI 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy