YouVersion Logo
Search Icon

IINKOKHELI 16

16
USamson eGaza
1Ngamhla uthile uSamson waya eGaza, waza wabona ihenyukazi, waya kulalisa kulo. 2Abantu baseGaza baxelelwa kwathiwa: “USamson ulapha.” Baza bawurhawula loo mzi ubusuku bonke, bamlalela nasemasangweni esixeko. Bahlala ubusuku bonke, besithi: “Kwakusa ngomso sombulala.”
3Kambe ke yena uSamson wavuka phakathi kobusuku, waya esangweni lesixeko, wafika wayibamba imigubasi kunye neengcango nomvalo, wasiphula konke. Wayixwaya emagxeni, waya nayo kwinduli ekhangelene neHebron.
USamson noDelila
4Kwakhona ke uSamson wathandana nentokazi yentili yaseSoreki egama linguDelila. 5Ke izikhulu zamaFilistiya zaya kuyo, zathi: “Msondeze uSamson de akuxelele imfihlelo yala mandla akhe angaka, ucebise ukuba singenza kanjani na ukuze simbambe, simbophe, simoyise. Umntu ngamnye kuthi uya kukunika iisiliva ezilishumi elinanye lamakhulu.”
6Ngoko ke uDelila wacengana noSamson, wathi: “Ndihlebele; uwathatha phi la mandla angaka? Ungabotshwa ngantoni ukuze woyisakale?”
7USamson wamphendula wathi: “Ukuba ndingabotshwa ngesixhenxe seentsontelo ezingekomi, amandla am angatha, ndifane nabanye abantu.”
8Izikhulu zamaFilistiya ke zanika uDelila iintsontelo ezisixhenxe ezingekomi, waza ke wambopha ngazo uSamson. 9Ke kaloku uDelila wayefihle amadoda endlwini apho, waza ke wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Ke yena uSamson ezo ntsontelo wazithi gqashu-gqashu okomtya ulenywa ngumlilo. Ngoko ke imfihlelo yamandla akhe yasala ingaziwa mntu.
10UDelila wathetha noSamson, wathi: “Wena uphoxe ngam, wandixokisa. Khawundixelele ukuba ungabotshwa ngantoni na.”
11USamson waphendula wathi: “Ukuba banokundibopha ngeentsontelo ezintsha ezingekasebenzi, amandla am angetha, ndifane nabanye abantu.”
12Ke uDelila wathatha iintsontelo ezintsha, wambopha ngazo uSamson, waza wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” AmaFilistiya ke ayelalele endlwini apho. Kodwa yena uSamson waziqhawula ezo ntsontelo ezazisezingalweni zakhe zanga yimisonto.
13UDelila wathi kuSamson: “Nangoku uyawaphoxa ngam, wandixokisa. Khawundixelele ukuba ungabotshwa ngantoni na.”
Waphendula ke uSamson wathi: “Ukuba unokwenza amafrerha asixhenxe entloko kum, uze uwaluke kunye nemisonto, uwaqinise ngoluthi lokuluka, ndingetha amandla, ndifane nabanye abantu.”
14Ke uDelila wathi akulala uSamson wawaluka ngemisonto amafrerha asixhenxe kaSamson ewaqinisa ngoluthi, wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Wasuka wavuka uSamson, waluncothula uluthi, wayixhwitha imisonto.
15UDelila ke wathi kuSamson: “Ungathini ukuthi uyandithanda kodwa akundithembi! Kokwesithathu ngoku uphoxisa ngam, ibe ke nangoku akukandixeleli ukuba uwathatha phi la mandla angaka.” 16Waza ke wammela imihla ngemihla emcenga.
Wada uSamson wakruquka wanga angafa, 17wamchazela konke, wathi: “Iinwele zam zange zichetywe. Ndanikelwa *ndalilolo likaThixo kwasekuzalweni kwam. Xa zinokuchetywa iinwele zam, angaphela amandla am, ndibe buthathaka nam, ndifane nabanye abantu.”
18UDelila akuqonda ukuba uxelelwe yonke inyaniso nguSamson, wathumela kwizikhulu zamaFilistiya, wathi: “Yizani kwakhona; undixelele konke.” Ke zeza zimphathele imali leyo. 19UDelila walalisa uSamson emathangeni akhe, waza ke wabiza umntu, wacheba amafrerha osixhenxe akhe. Ngokwenjenje ke uDelila wamenza waphelelwa ngamandla uSamson. 20Wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!”
Ke yena wavuka ebuthongweni esithi: “Ndiya kubuya ndiwavuthulule ndiphuncuke.” Kambe ke wayengaqondi ukuba ushiyiwe *nguNdikhoyo. 21AmaFilistiya ke ambamba, amkhupha amehlo, amtyhaphaza. Amthatha amsa eGaza, amqamangela ngamatyathanga obhedu, amfaka emsebenzini wokusila entolongweni. 22Kambe iinwele zakhe zaphinda zakhula.
Ukufa kukaSamson
23Izikhulu zamaFilistiya zahlanganisana zabhiyoza, zisenzela uthixo wazo uDagoni isiyikayika sedini. Zadanduluka zathi: “Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu uSamson!”
24-25Kwathi xa kumnandi apho kwelo theko, zathi: “Yizani noSamson, eze kusonwabisa!” Bathi ke bakumkhupha uSamson entolongweni, bahlekisa ngaye, bammisa phakathi kweentsika. Abantu ke bakumbona uSamson badumisa uthixo wabo, bathi: “Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu oluzise intshabalalo kwilizwe lethu, lwabulala abantu bethu abaninzi kangaka!”
26USamson wathetha nomfana owayemrhola, wathi: “Khawume khe ndizive iintsika zesi sakhiwo. Ndifuna ukwayama ngazo.” 27Indlu leyo ke yayizele ngamadoda nabafazi. Zonke izikhulu zamaFilistiya zazilapho; bebonke abantu babekwisithuba samawaka amathathu, beseluphahleni, bembukele behlekisa ngoSamson.
28Ke kaloku uSamson wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Nkosi yam, ndikhumbule; nceda, Thixo wam, khawubuyise amandla am okwesi sihlandlo nje sodwa, ukuze ndiziphindezele kumaFilistiya ngenxa yesenzo sawo sokundikhupha amehlo.” 29Ke uSamson wafikelela kwiintsika ezisesizikithini sesakhiwo eso. Wabamba yanye ngesokunene, enye wayibamba ngesokhohlo; 30waza wadanduluka wathi: “Mandife kunye namaFilistiya!” Wazisunduza ngamandla akhe onke – folokohlo didli! Sadilika isakhiwo; zafela apho ezo zikhulu ndawonye nabo bonke ababekhona. Ekufeni kwakhe uSamson wabulala abantu abaninzi ngaphezu kwabo wababulala esadl' ubomi.
31Ke kaloku abantakwabo nawo onke amawabo baya kuwuthatha umzimba wakhe, bagoduka nawo. Bamfihla kwingcwaba likayise uManowa phakathi kweZora ne-Eshtawoli. Waba yinkokheli yamaSirayeli iminyaka engamashumi amabini.

Currently Selected:

IINKOKHELI 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy