YouVersion Logo
Search Icon

EKAYAKOBI 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Yakobi, isicaka sikaThixo neNkosi uYesu Krestu. Ndibulisa bonke abantu bakaThixo abathe saa kulo lonke elimiweyo.
Ukholo nobulumko
2Mawethu, zithatheni njengabantu abanethamsanqa, xa nifikelwa zizilingo ngezilingo. 3Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo. 4Kona ke ukunyamezela kuzala isimilo esicikidekileyo, nesingalambathi nganto. 5Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika. 6Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle. 7Umntu onjalo ke makangalindeli kwenzelwa nto yiNkosi. 8Kaloku umntu ongqondo ilala neli, ivuke neli, akaze abe nazigqibo nganto.
Ubuhlwempu nobutyebi
9Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo. 10Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle. 11Yona ithi lakuvela ilanga liyigqatse, ibune, kuphele nokubukeka kwayo. Nesinhanha siya kutshabalala naso ngoku kanye sisaxakeke yimicimbi yaso.
Ukuvavanywa nokulingwa
12Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo. 13Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena. 14Isilingo sivela ngokuthi umntu alukuhlwe yiminqweno yakhe egwenxa. 15Loo minqweno yakhe ke iyakhawula, izale isono. Isono ke sona sithi sakuba nentshebe, sizale ukufa.
16Musan' ukuphazama, mawethu! 17Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize. 18Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.
Ukuva nokwenza
19Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka. 20Kaloku into umntu ayenza enomsindo ayinakwamkeleka kuThixo. 21Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.
22Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo. 23Lowo uliphulaphula nje kuphela elo lizwi, angenzi nto ngalo, ufana nomntu ozijonga esipilini, abubone ubuso bakhe. 24Loo mntu uzithi krwaqu nje, ahambe, aze kwangoko azilibale ukuba unjani na. 25Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.
26Ewe, umntu angázicingela ukuba ulikholwa; kodwa uyazikhohlisa ukuba akakwazi ukulawula ulwimi lwakhe. Ingamampunge nje into yokuba ulikholwa. 27Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.

Currently Selected:

EKAYAKOBI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy