1
EKAYAKOBI 1:2-3
IBHAYIBHILE
Mawethu, zithatheni njengabantu abanethamsanqa, xa nifikelwa zizilingo ngezilingo. Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.
Compare
Explore EKAYAKOBI 1:2-3
2
EKAYAKOBI 1:5
Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.
Explore EKAYAKOBI 1:5
3
EKAYAKOBI 1:19
Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.
Explore EKAYAKOBI 1:19
4
EKAYAKOBI 1:4
Kona ke ukunyamezela kuzala isimilo esicikidekileyo, nesingalambathi nganto.
Explore EKAYAKOBI 1:4
5
EKAYAKOBI 1:22
Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.
Explore EKAYAKOBI 1:22
6
EKAYAKOBI 1:12
Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.
Explore EKAYAKOBI 1:12
7
EKAYAKOBI 1:17
Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.
Explore EKAYAKOBI 1:17
8
EKAYAKOBI 1:23-24
Lowo uliphulaphula nje kuphela elo lizwi, angenzi nto ngalo, ufana nomntu ozijonga esipilini, abubone ubuso bakhe. Loo mntu uzithi krwaqu nje, ahambe, aze kwangoko azilibale ukuba unjani na.
Explore EKAYAKOBI 1:23-24
9
EKAYAKOBI 1:27
Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.
Explore EKAYAKOBI 1:27
10
EKAYAKOBI 1:13-14
Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena. Isilingo sivela ngokuthi umntu alukuhlwe yiminqweno yakhe egwenxa.
Explore EKAYAKOBI 1:13-14
11
EKAYAKOBI 1:9
Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo.
Explore EKAYAKOBI 1:9
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos