YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 7

7
Udaba oluya kukumkani uAhazi
1Ke kaloku kwabakho imfazwe kwelakwaJuda ngethuba lokulawula kukakumkani uAhazi unyana kaYotam, umzukulwana kaUziya. URezin ukumkani wama-Aram , ekunye noPeka unyana kaRemaliya owayengukumkani wakwaSirayeli, bahlasela iJerusalem, kodwa babuya ze.
2Ukumkani wakwaJuda uthe akulufumana udaba lokuba imikhosi yama-Aram seyingxange kumhlaba wakwaSirayeli, akoyika wangcangcazela, yena nabantu bakhe, okwemithi ishukunyiswa ngumoya.
3*UNdikhoyo ke uthethe noIsaya wathi: “Hamba nonyana wakho uMasalela-obuya, uhlangabeze ukumkani uAhazi. Niya kudibana naye endleleni phaya kulaa ndawo basebenzela kuyo abasonti belaphu, ekupheleni kwalaa mjelo utsala amanzi kwelaa qula liphezulu. 4Yithi kuye: ‘Hlala uthe qwa uzole, ungabhuduzeli ube nevuso. Kaloku lo msindo kakumkani uRezin nama-Aram kunye nalo kakumkani uPeka unyana kaRemaliya ufana nje nokutsitsitheka komlilo weviti. 5Ama-Aram ekunye namaSirayeli phantsi konyana kaRemaliya baceba iyelenqe ngawe. 6Bathi: “Masilihlasele ilizwe lakwaJuda, silithathe sahlulelane ngalo, size simisele unyana kaTabhele abe ngukumkani.” 7Kambe ke iNkosi uNdikhoyo ithi:
“ ‘Unotshe; soz' ihle loo nto!
Hayi, into enjalo soze yenzeke tu!
8Kaloku intloko yama-Aram yiDamasko,
ibe ke yona intloko yeDamasko nguRezin.
Okokwakhe ke uSirayeli,
kwisithuba nje samashumi amathandathu anantlanu eminyaka,
uya kuvuthuluka kungasali nempunde le –
ewe, buya kubhanga ubuzwe bakhe.
9Kaloku intloko yamaSirayeli yiSamariya,
ibe ke yona intloko yeSamariya nguPeka unyana kaRemaliya.
Kambe ke ukuba ithemba lakho alimilanga, soze ume.’ ”
Umqondiso ngoNkosinathi
10*UNdikhoyo waqhuba wathi kuAhazi: 11“Yitsho kuNdikhoyo uThixo wakho akunike umqondiso, noba ngowasenzonzobileni kwelabafileyo okanye emajuku-jukwini phezulu.”
12Ke kaloku uAhazi uphendule wathi: “Hayi, andiyi kuwucela umqondiso; andithandi kumlinga uNdikhoyo.”
13UIsaya ke uphendule wathi: “Khawuphulaphule, ndlu kaDavide! Ngathi uyithatha kancinci into yokudinisa abantu! Ngoku sewufunzela ukukruqula noThixo wam lo? 14Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli. 15Ke kaloku loo nkwenkwe iya kuthi xa seyikwazi ukukhetha phakathi kokubi nokuhle kube sekudliwa ngendeb' endala, ingamasi nobusi. 16Kambe ke lothi lingekafiki nelo thuba, ibe yona imihlaba yaba kumkani bakuphakuzelisayo seyikhal' ibhungane.
17“Wena nabantu bakho ndawonye nekomkhulu liphela uNdikhoyo uza kunizisela inkxwaleko engathethekiyo engazange yalanywe okokoko waqhekekayo umbuso kaSirayeli kowakwaJuda. Ewe, uza kunithumela ngokumkani wama-Asiriya.
18“Ngelo xesha ke uNdikhoyo uya kutsho ngomtyangampo wekhwelo, atsho amaJiputa ancothuke kwelikude kwiintlambo zomlambo iNayile, eze ngathi libubu leempukane. Kanti kananjalo nama-Asiriya aya kuphuma kwelakowawo ebhubhuzela exel' iinyosi. 19Elo bubu ke liya kuyambathisa nje imixawuka ndawonye nemiqolomba emaweni phaya; ewe, liya kunwena lithandele nenameva imithi, lingashiyi nalinye idlelo.
20“Ngelo thuba ke uNdikhoyo uya kuqesha umchebi waphesheya komlambo iEfrati ukumkani waseAsiriya! Yena ke uya kunigugula zonke iinwele neendevu noboya.
21“Lakugaleleka ke elo xesha nomlimi osalelwe yimazi yenkomo enye, neemazi zeegusha ezimbini, 22kangangokuba ziya kuba zisehlisa, kuya kuba yintlutha emzini wakhe. Ewe, kaloku loo masalela ashiyekileyo kweli lizwe aya kudla ngendeb' endala, ingamasi nobusi.
23“Ngelo xesha ke izidiliya ezinemithi eliwaka kuso ngasinye – mithi leyo ixabisa iwaka leesiliva – ziya kuba zitshone lè, zonganyelwe sisiphingo nobobo. 24Ke bona abantu baya kujikeleza neentolo zabo bezingela. Kaloku lonke eli lizwe loba liphanjwe ngamatyholo anameva ndawonye nobobo. 25Kwezo ntili apho kwakufudula kulinywa khona kuya kuba kwene ngangokuba kungabi nakusondela mntu khona. Ewe, amasimi abo selejike angamadlelo eenkomo kwaneegusha.”

Currently Selected:

UISAYA 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy