YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 64

64
1Akwaba ubungawakrazul' amazulu,
uhle esibhakabhakeni,
khon' ukuze neentaba zitsho zinyikime,
2kutsho kube ngathi ngumlilo weentsasa,
kube ngathi ngumlilo ubilisa amanzi.
Yiza, zitsho neentshaba zakho zikuqonde,
nezizwe zitsho zingcangcazele kukoyika,
3uxelise ngokuyâ wakha wenza iziqwenga.
Kaloku ngoko wasiqubula singalindele;
ewe, wena wasiqubula warhiwula,
zatsho neentaba zothuka zangcangcazela.
4Kwamandulo akukho bani wakha weva;
kwakudala akakho owakha wambona nanini na uThixo onjengawe lo,
obancedayo abantu abakholosa ngaye.
5Kaloku wena ubahlangabeza ngoncedo
bonke abazinikezele ekwenzeni okulungileyo,
abo ke bazikhumbulayo iindlela zakho.
Sakuqhubela phambili sikuchasa wakhathazeka.
Yaz'ba sohlangulwa kanjani na ke?
6Sonke sifana nalowo ungahlambulukanga;
ewe, neyona misebenzi yethu yobulungisa:
mh-mh-mh, ilizothe phambi kwakho!
Sisuke sashwabana njengegqabi liphetshethwa ngumoya;
ngokunjalo izono zethu zisiqweqwedisile.
7Kaloku akusekho mntu ukunqulayo;
ewe, akasekho obalekela kuwe.
Kaloku wena ngoku usifulathele;
usishiye ukuze siqwengwe zizono zethu.
8Kambe ke, unguTata, wena Ndikhoyo.
Ke thina siludongwe;
wena ke ungumbumbi,
thina singumsebenzi wezandla zakho.
9Ungàqumb' ud' uqalekise, Ndikhoyo;
nceda ungasixhibi ngezono esizenzileyo.
Siyakuthandaza, noko buya nganeno;
kaloku sonke singabantu bakho.
10Kwizixeko zakho zegugu kusenkangala;
nkqu neZiyon ikhal' ibhungane,
neJerusalem ngokwayo ngamabhodlo.
11Loo nzwakazi yendlu entle kunene,
apho babekudumisa khona oobawo,
kunamhlanje nje itshe yaluthuthu,
okwakuziindawo zebhongo sekungamabhodlo.
12Ngaba azikushukumisi na ezi ziganeko, Ndikhoyo?
Ngaba uza kuhlala nje ungachukumiseki?
Naxa sekunje usazimisel' ukudl' imu?
Hleze senzakale xa usohlwaya ngaphezu koku!

Currently Selected:

UISAYA 64: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy