YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 63

63
Impindezelo nosindiso lukaNdikhoyo
1Ngubani na lo uthi gqi kwaEdom?
Ngubani na lo uthi nyalulu ngaseBhozera,
lo uvathileyo, utsho ngezimfusa,
lo unyalasa ngesidima nondiliseko?
“Ndim kanye mna ndisindisa ngegunya;
ndiyavakalisa ndibhengeza uloyiso.”
2Kutheni zibomvu nje iimpahla zakho,
le nto ngathi zezabaxovula iidiliya?
3*UNdikhoyo ke yena uthi:
“Izizwe mna ndizixovule njengeediliya,
kungekho namnye weza kundincedisa;
ndazixangxatha ngeenyawo ndinomsindo,
latsaza igazi lazo, landitsho ndankone.
4Umhla wokuziphindezela wandifikela,
yaye ixesha lokukhulula abantu bam lithwasile.
5Ndaba ngathalaza, akwabikho undisizayo;
ndamangaliseka kwakungabikho uxhasayo.
Ngoko ke ndazizuzela uloyiso ngokwam;
ewe, ndaxhaswa yingqumbo yam.
6Emsindweni ke mna ndazinyhasha izizwe;
ewe, mna ndazitsho zagxadazela,
igazi lazo ndaligalela emhlabeni.”
Umthandazo nombulelo
7Ndiya kuthetha ngezibele *zikaNdikhoyo;
ndiya kumncoma ndimbonge ngemisebenzi yakhe,
ngenxa yeentsikelelo zakhe kuSirayeli,
nangenxa yenceba amthululele yona –
ezingako zona izibele zothando lwakhe.
8Ewe, uNdikhoyo suka wathi:
“Bona ngabantu bam ncakasana;
lusapho lwam, soze bandiqhathe.”
Ngoko ke suka yena wabahlangula.
9Embandezelweni yabo akachasananga nabo,
basindiswa bubukho besithunywa sakhe.
Ngenxa yothando novelwano yena wabakhulula;
ewe, yena wabaphakamisa wabalondoloza,
wahamba nabo ngayo yonke loo mihla yamandulo.
10Phi ke, basuka bamvukela nje!
Ewe, bangcungcuthekisa uMoya wakhe oyiNgcwele.
Suka ke yena waba lutshaba lwabo,
waza ke walwa nabo ngokwakhe.
11Bada ke bona bayikhumbula imihla yamandulo;
leyo ke yimihla kaMosis nabantu bakhe.
Bakhalaza ke ngoko bathi:
“Uphi ke ngoku lowo wabawezayo elwandle,
ekhokela umhlambi nomalusi wawo?
Yaz'ba uphi na ke ngoku uNdikhoyo,
yena wabambesa ngoMoya wakhe oyiNgcwele?
12Ngobungangamsha bakhe wamomeleza wamxhasa uMosis,
wawahlula-hlula amanzi phambi kwabo,
waza wazenzela igama elingasoze litshitshe.
13Yena wabakhokela bacanda inzonzobila,
baqhathula njengehashe entlango,
babetha kuhle, abaze bakhubeke.
14Baba njengeenkomo eziya kwisithabazi samadlelo,
wenjenjalo uMoya kaNdikhoyo ukubaphumza.
Wabakhokela ngaloo ndlela ke abantu bakho,
ndlela leyo ke yakwenzela igama.”
Ukuzibika
15Usezulwini apho, *Ndikhoyo, khawuthob' amehlo;
khawukrwaqule ukwelo khaya lesidima nobungcwele.
Kodwa-kodwa ngani ukuba ungakhweleti?
Khona ke aphi amandla akho?
Iphi ke imfobe novelwano lwakho?
Hayi kaloku, nceda sukusifulathela!
16Kaloku wena unguTata wethu,
nakuba singaziwa nje nguAbraham;
ukanti noSirayeli akasihoyi.
Kambe ke wena, Ndikhoyo, unguBawo;
wena waba nguMkhululi wethu kwamandulo.
17Usiyekelani kodwa, siphambuke endleleni yakho, Ndikhoyo?
Ngani ukuba usiyeke sinkanize kangaka,
side siphelelwe ziintloni nakukukoyika?
Buyela kuthi, thina zicaka zakho;
sincede, thina zizwe zililifa lakho.
18Indlu yakho eyodwa yaba yeyabantu bakho umzuzwana,
suka ke zona iintshaba zayidobonga zayidiliza.
19Ngoku thina sesifana nâbo bangaziwayo nguwe,
abo ungazange wabalawula;
ewe, sesifana nabangazange babizwe ngawe.

Currently Selected:

UISAYA 63: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy