YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 57

57
1Amalungisa ayafa,
kungabikho mntu ukhathalayo;
abantu benene bayahamba,
kungabikho bani uqondayo –
bona bayafa ngenxa yobubi.
2Kambe ke bangena eluxolweni;
ukufa kubaphathela ukuphumla
abo bahamba ngendlela ethe ngqo.
Kugxekwa imifanekiso eqingqiweyo
3“Yizan' apha ke, nina nzala yezanusekazi,
sizukulwanandini sabakrexezi namahenyukazi!
4Ngubani lo nidlala ngaye?
Ngubani lo niphoxisa ngaye,
lo nimlencezela ulwimi?
Nzalandini yezibhoxi!
Sizukulwanandini sabakhohlisi!
5Zintondini zitshiseka emiokini,
ze zilalane phantsi kwemithi efukufuku,
nixhela abantwana ezingxingweni,
emiqolombeni phantsi kwezawana.
6Ilifa lenu ngamatye agudileyo ezingxingweni;
isabelo senu zezo *zithixo.
Zona nide nizithululele utywala,
niziphe nomnikelo weenkozo.
Nithi mandivelane nani kule mikhuba?
7Amadini niwenzela ezintabeni eziphakamileyo,
kanti kwalapho ninawo nomandlalo.
8Emigubasini nasemva kocango
kulapho nizizoba khona izithixo.
Ngokundibaleka niwuhlubile umandlalo wenu,
suka nawuvula nangena nezithandwa zenu,
ezo nilala nazo ngokuzihlawula,
khon' ukuze nizanelise ngazo.
9Nto niyaziyo kukuziqaba nokuziqhola,
nenjenjeya ukunqula uMoleki.
Izithixo nide nizizingele,
izigidimi zenu zixananaze,
nithumele nakwelo labafileyo.
10Nibhadula nide nidinwe, nifuna izithixo,
kodwa anivumi ukuba yinkcitha-xesha.
Anizilibali nisomelezwa zizithixo;
yiyo le nto ngathi
anidinwa.”
11*UNdikhoyo uyabuza, uthi:
“Ngoobani ezi zithixo nizoyika kangaka?
Ngenxa yazo nide anathembeka,
mna anabi sandikhumbula mpela.
Ngaba ndithule ndada ndagqithisa
le nto ningasandazele nto ngoku?
12Ndosuka ndibudandalazise ubulungisa benu benkohliso,
ngokunjalo nezenzo zenu;
nolu nqulo lwenu luya kulambatha.
13Xa nibhomboloza nizibika,
azinincedi ngani izithixo zenu;
kambe ke zona ziphetshethwa nangumoya lo,
nditsho nomphunga lo.
Ke bona abo bakholosa ngam
baya kuma bazinze kulo mhlaba;
ewe, intaba yam eyodwa ibe lilifa labo.”
UThixo uthembisa ngoncedo nokuphilisa
14*UNdikhoyo ke uthi:
“Shenxisani izithintelo endleleni;
bahlahleleni indlela abantu bam.”
15Utsho uThixo ophakamileyo,
uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:
“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,
kanti ndiyahlala nasebantwini –
kwabo bazinikelayo bathobekileyo –
ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,
ndibakhuthaze abo bazinikelayo.
16Andiyi kusoloko ndibamangalela abantu,
ndingayi kusoloko ndisilwa nabo,
hleze umntu atyhafe,
adane lowo ndimenzileyo.
17Ndacatshukiswa sisono sabo sokunyoluka,
suka ke ndabohlwaya ndabafulathela.
Kambe ke basuke baneenkani,
babhadulela ekuthandeni kwabo.
18Ngoku ke ndikubonile ukuziphatha kwabo;
ngoko ke ndiza kubanyanga –
ndiza kubakhokela ndibasize ndibathuthuzele,
19abo banesingqala ndibaphakel' indumiso,
uxolo nenzolo kwabakufuphi nabasekudeni;
ewe, ndiza kubanyanga abantu bam,”
utsho uNdikhoyo.
20Ke zona izikhohlakali ziphithizela njengolwandle
olumaza asoloko elatyuza,
edudula ukungcola nodaka.
21Ewe, uThixo wam uthi:
“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”

Currently Selected:

UISAYA 57: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy